Malaki
1 Isigwebo:
Ilizwi likaYehova eliya kuSirayeli ngoMalaki:*
2 “Ndinithandile,”+ utsho uYehova.
Kodwa nina nithi: “Usithande njani?”
“UEsawu wayengengomntakwabo Yakobi na?”+ utsho uYehova. “Kodwa ndandithanda uYakobi, 3 ndimcaphukela uEsawu,+ yaye iintaba zakhe ndaziphanzisa,+ nelifa lakhe laba leloodyakalashe basendle.”+
4 “Nangona uEdom esithi, ‘Sityunyuziwe, kodwa siza kubuya, siphinde sizakhe iindawo ezingamabhodlo,’ uthi uYehova wemikhosi, ‘Baza kwakha, kodwa mna ndiza kudiliza, ibe baza kubizwa ngokuba “ngummandla wobubi” nangokuba “ngabantu uYehova abaqalekise ngonaphakade.”+ 5 Niza kuzibonela ngamehlo enu, nize nithi: “Makazukiswe uYehova kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli.”’”
6 “‘Unyana uyamhlonipha utata wakhe,+ nesicaka siyayihlonipha inkosi yaso. Ngoko ukuba ndingutata wenu,+ kutheni ndingahlonitshwa nje?+ Ukuba ndiyinkosi,* kutheni ndingoyikwa nje?’ utsho uYehova wemikhosi kuni babingeleli abadelela igama lam.+
“‘Kodwa nina nithi: “Silidelele njani igama lakho?”’
7 “‘Ngokunikela ngokutya okungcolileyo* esibingelelweni sam.’
“‘Ibe nithi: “Sikungcolise njani?”’
“‘Ngokuthi: “Itafile kaYehova+ iyenyanyeka.” 8 Naxa nisizisa umbingelelo wesilwanyana esiyimfama, nithi: “Ayonto imbi leyo.” Naxa ninikela ngesilwanyana esiqhwalelayo okanye esigulayo, nithi: “Ayonto imbi leyo.”’”+
“Khanikhe nizame ke ukunikela ngazo kumlawuli wenu. Uza kukholwa na nini okanye anamkele ngobubele?” utsho uYehova wemikhosi.
9 “Ngoku ke, ndicela nimcenge uThixo, ukuze asenzele inceba. Xa nisizisa imibingelelo enje, ngaba kukho nabani na kuni aza kumenzela inceba?” utsho uYehova wemikhosi.
10 “Ngubani kuni okulungeleyo ukuvala iingcango?*+ Kuba anikhanyisi kwanesibingelelo esi sam ukuba anibhatalwa.+ Andanelisekanga tu nini,” utsho uYehova wemikhosi, “andikholiswa nangumnikelo osisipho osesandleni senu.”+
11 “Kuba ukususela ekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo,* igama lam liza kuba likhulu phakathi kweentlanga.+ Kuza kuqhunyiswa imibingelelo yonke indawo, kwenziwe neminikelo egameni lam, ibe sisipho esamkelekileyo; kuba igama lam liza kuba likhulu phakathi kweentlanga,”+ utsho uYehova wemikhosi.
12 “Kodwa nina niyalingcolisa+ ngokuthi, ‘Itafile kaYehova ingcolile, nesiqhamo sayo, ukutya kwayo, kuyenyanyeka.’+ 13 Kwakhona nithi, ‘Kwekhu! Umthwalo ongaka!’ yaye niyinyevulele,” utsho uYehova wemikhosi. “Nizise nezilwanyana ezibiweyo, eziqhwalelayo nezigulayo. Nindizisele zona njengesipho! Ndisamkele na ke eso sipho sisesandleni senu?”+ utsho uYehova.
14 “Uqalekisiwe umntu onamaqhinga, oneduna emhlambini wakhe, kodwa enze isifungo aze anikele ngesilwanyana esinesiphene kuYehova. Kuba ndinguKumkani omkhulu,”+ utsho uYehova wemikhosi, “negama lam liza koyikeka phakathi kweentlanga.”+