Eyesibini KwabaseKorinte
11 Ukuba ndibonakala ngathi andisebenzisi ngqondo ndicela nindinyamezele. Phofu sele nindinyamezela kakade! 2 Ndinekhwele ngani ngendlela anekhwele ngayo uThixo ngani, kuba ndathembisa ngokwam ukuba ndiza kunitshatisela kwindoda enye, uKristu, oku kwentombi engazange yalala nandoda.+ 3 Kodwa ndiyoyika ukuba kanye njengokuba inyoka yamqhathayo uEva ngamaqhinga ayo,+ nani iingqondo zenu zisenokungcoliswa, nize niyeke ukuba msulwa nokucoceka njengokuba nimele nibe njalo kuKristu.+ 4 Kaloku nina nimnyamezela lula umntu ofika ashumayele ngoYesu owahlukileyo kulowo sashumayela ngaye, umntu oza nendlela yokucinga eyahlukileyo kuleyo nayamkelayo, okanye iindaba ezilungileyo ezingezizo ezo nazamkelayo.+ 5 Kuba andiboni nto endenza ndibe ngaphantsi kwaba bapostile benu bazenza bhetele.+ 6 Nokuba andilociko+ kodwa lona ulwazi ndinalo; loo nto sayenza yacaca ngazo zonke iindlela.
7 Andizange ndifune nto kuni xa ndashumayela iindaba ezilungileyo zikaThixo apho. Okanye ndenza isono na ngokuzithoba ukuze ninikwe imbeko?+ 8 Ndancedwa ngamanye amabandla* ngezinto endizidingayo ukuze ndikwazi ukusebenzela nina apho.+ 9 Kodwa xa ndandinani kwaza kwabakho izinto endizidingayo, andizange ndisokolise mntu, kuba abazalwana ababesuka eMakedoni bandinika zonke izinto endandizidinga.+ Ndazama kangangoko ukuba ndinganisokolisi, yaye ndiseza kuqhubeka ndizama.+ 10 Ndisengumlandeli kaKristu nje, andizukuyeka ukuqhayisa+ ngale nto kwiingingqi zaseAkhaya. 11 Ngoba? Ngenxa yokuba ndinganithandi na? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda.
12 Ndiseza kuqhubeka ndiyenza le nto ndiyenzayo,+ ukuze ndiziphelise izizathu abaqhayisa ngazo besithi bakwisikhundla esilingana nesethu. 13 Kuba abo bantu ngabapostile bobuxoki, banamaqhinga, bazenza abapostile bakaKristu.+ 14 Ayimangalisi ke loo nto, kuba noSathana uzenza ngathi yingelosi yokukhanya.+ 15 Ngoko ayothusi into yokuba abakhonzi bakhe bezenza ngathi bangabashumayeli bobulungisa. Kodwa ekugqibeleni baza kuphenduliswa ngemisebenzi yabo.+
16 Ndiyaphinda ndithi: Makungabikho mntu ucinga ukuba andiyisebenzisi ingqondo. Kodwa nokuba nicinga ukuba andiyisebenzisi, ndamkeleni ndinjalo ukuze nam ndikwazi ukuqhayisa kancinci. 17 Le nto ndiyithethayo andiyithethi njengomntu olandela umzekelo weNkosi, kodwa njengomntu ongasebenzisi ngqondo noqhayisa ngokuzithemba. 18 Ekubeni abantu abaninzi beqhayisa ngezinto zeli hlabathi, nam ndiza kuqhayisa. 19 Kuba nizixelela ukuba nisebenzisa ingqondo, kodwa nibanyamezela lula abantu abangayisebenzisiyo. 20 Enyanisweni, ninyamezela nabani na onenza amakhoboka, nabani na oniqhathayo, nabani na oxutha izinto eninazo, nabani na ozenza bhetele kunani, naye nabani na onibetha ebusweni.
21 Le ndiyithethayo isizisela ihlazo, kuba siye sabonakala singomelelanga kuni.
Ndithetha njengomntu ongasebenzisi ngqondo ke apha. Ukuba abanye baye banesibindi, nam ndinaso. 22 BangamaHebhere na? Nam ndinguye.+ BangamaSirayeli na? Nam ndinguye. Bayinzala* ka-Abraham na? Nam ndiyiyo.+ 23 Basebenzela uKristu na? Xa ndiphendula njengomntu ophambeneyo, ndiyabogqitha: Ndisebenze ngaphezu kwabo,+ ndivalelwe ejele kaninzi,+ ndinyamezele ukubethwa kaninzi, yaye kudala ndisinda ekufeni.+ 24 Kude kwakahlanu ndibethwa imivumbo eyi-39 ngamaYuda,+ 25 kwakathathu ndibethwa ngeentonga,+ ndikhe ndabethwa nangamatye,+ ndophukelwa yinqanawa kathathu,+ ndachitha ubusuku nemini phakathi elwandle. 26 Bendisoloko ndisendleleni, ndiwela imilambo eyingozi, ndisengozini yokukhuthuzwa, ndisengozini kubantu bakuthi,+ ndisengozini ezintlangeni,+ ndisengozini esixekweni,+ ndisengozini entlango, ndisengozini elwandle, ndisengozini phakathi kwabazalwana bobuxoki, 27 ndisebenza, ndibulaleka, ndingalali ebusuku,+ ndilamba, ndinxanwa,+ amaxesha amaninzi ndingenanto yakutya,+ ndigodola yaye ndingenanto yakunxiba.*
28 Ukongeza kuzo zonke ezo zinto, yonke imihla ndihlala ndixhalabele onke amabandla.+ 29 Ngubani oba buthathaka, ndize mna ndingabi buthathaka? Ngubani oye akhutyekiswe, ndize mna ndingabi namsindo?
30 Ukuba kufuneka ndiqhayise, ndiza kuqhayisa ngezinto ezibonisa ubuthathaka bam. 31 UThixo noTata weNkosi uYesu, omele adunyiswe ngonaphakade, uyazi ukuba andixoki. 32 Xa ndandiseDamasko, umlawuli ophantsi kuka-Areta ukumkani wayegade isixeko samaDamasko efuna ukundibamba, 33 kodwa ndehliswa ngebhaskithi kwifestile eyayiseludongeni lwesixeko,+ ndabe ndiyasinda ke ezandleni zakhe.