KwabaseGalati
4 Into endiyithethayo kukuba xa indlalifa isengumntwana, ayahlukanga kwikhoboka, nangona iyinkosi yezinto zonke, 2 kuba iphantsi kwamadoda aphetheyo naphantsi kwamagosa de kube lusuku olubekwe kwangaphambili ngutata wayo. 3 Nathi xa sasingabantwana, sasingamakhoboka ezinto zobuntwana zehlabathi.+ 4 Kodwa lithe lakufika ixesha elibekiweyo, uThixo wathumela uNyana wakhe, owazalwa ngumfazi+ waza waba phantsi komthetho,+ 5 ukuze abakhulule ngokubathenga abo baphantsi komthetho,+ size senziwe oonyana.+
6 Ekubeni ningoonyana, uThixo uye wathumela umoya+ woNyana wakhe ezintliziyweni zethu,+ ibe wona ukhwaza usithi: “Abha,* Tata!”+ 7 Ngoko ke, ngamnye kuni akaselilo ikhoboka kodwa ungunyana; yaye ukuba ungunyana, uThixo umenze indlalifa.+
8 Kodwa ke, xa naningamazi uThixo, naningamakhoboka oothixo bobuxoki. 9 Ekubeni ngoku nimazi uThixo, okanye mandithi, ekubeni nisaziwa nguThixo, niyenza njani into yokubuyela kwizinto zobuntwana ezingancedi nganto,+ nifune ukuphinda nibe ngamakhoboka azo?+ 10 Nixakeke kukubhiyozela imihla, iinyanga,+ amaxesha neminyaka. 11 Nindenza ixhala, kuba kubonakala ngathi ndidlale nje ngexesha lam apha kuni.
12 Bazalwana ndiyanicela, khanifane nam, kuba nam ndandinjengani.+ Anizange nindiphathe kakubi. 13 Kodwa niyazi ukuba ukugula kwam kwandinika ithuba lokuqala lokuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kuni. 14 Nangona ukugula kwam kwakusisilingo kuni, anizange nindidelele okanye nindenyanye;* kodwa nandamkela njengengelosi kaThixo, njengoKristu Yesu. 15 Kutheni ningasavuyi ngala ndlela nje ngoku? Kaloku ndiqinisekile ukuba, ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikhuphe namehlo enu nandinika.+ 16 Ngaba ke ndiye ndalutshaba lwenu kuba ndinixelela inyani? 17 Bazimisele ukunitsalela kubo, kodwa abanazinjongo zintle; bafuna nje ukunahlukanisa nam, ukuze nirhorhozele emva kwabo. 18 Kodwa ke, kuba kuhle xa abantu befuna ukunitsalela kubo, ukuba nje bayenza loo nto benenjongo entle, hayi kuphela xa ndikunye nani 19 bantwana bam abancinci,+ endiye ndaphinda ndanenimba ngabo de nibe nobuntu bukaKristu. 20 Akwaba bendikunye nani khona ngoku ndize nditshintshe indlela endithetha ngayo, kuba niyandibhida ngoku.
21 Khanindixelele nina enifuna ukuba phantsi komthetho, Aniwuva na uMthetho? 22 Ngokomzekelo, kubhaliwe ukuba uAbraham wayenoonyana ababini, omnye engowesicakazana,+ omnye engowomfazi okhululekileyo;+ 23 kodwa lo wesicakazana wazalwa ngendlela eqhelekileyo,+ yena owomfazi okhululekileyo wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo.+ 24 Ezi zinto zazingumfanekiso wento eyayiza kwenzeka; kuba aba bafazi bamela izivumelwano ezibini. Esokuqala seso senziwa kwiNtaba YeSinayi,+ yaye bonke abaphantsi kwaso bangamakhoboka. Esi sivumelwano sifana noHagare. 25 UHagare umela iSinayi,+ intaba yaseArabhiya, yaye ufanekisela neYerusalem yanamhlanje, kuba yona ilikhoboka kunye nabantwana bayo. 26 Kodwa yona iYerusalem ephezulu ikhululekile, yaye ingumama wethu.
27 Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Vuya mfazindini ungafumani bantwana; khwaza uvuya, wena mfazi ungenanimba; kuba baninzi abantwana bomfazi olahliweyo kunabo balowo unomyeni.”+ 28 Nina ke bazalwana ningabantwana besithembiso njengoIsake.+ 29 Kodwa kanye njengokuba lowo wayezelwe ngendlela eqhelekileyo wayemtshutshisa lowo wayezelwe ngamandla omoya oyingcwele,+ kusenjalo nangoku.+ 30 Kodwa ke sithini isibhalo? Sithi, “Sigxothe isicakazana nonyana waso, kuba unyana wesicakazana akazukuba yindlalifa kunye nonyana womfazi okhululekileyo.”+ 31 Ngoko bazalwana, thina asingobantwana besicakazana, kodwa singabomfazi okhululekileyo.