Kwabase-Efese
3 Mna Pawulos, ndilibanjwa+ kuba ndingokaKristu Yesu yaye ndincede nina bantu beentlanga. 2 Nani niye neva ngomsebenzi+ endiwunikwe nguThixo ngenxa yobubele bakhe* ukuze ndincede nina. 3 UThixo wandixelela imfihlelo engcwele, kanye njengokuba bendikhe ndanibhalela. 4 Ngoko xa nifunda le leta, niza kutsho nibone ukuba ndiyazi kakuhle imfihlelo engcwele+ kaKristu. 5 Ezinye izizukulwana azizange ziyixelelwe le mfihlelo, njengokuba ngoku iye yaxelelwa abapostile bakhe abangcwele nabaprofeti ngomoya kaThixo,+ 6 le yokuba abantu beentlanga abamanyene noKristu Yesu bafanele babe ziindlalifa kunye naye, baze ngenxa yeendaba ezilungileyo babe ngamalungu omzimba+ size sibe nethemba elinye. 7 Ndaba ngumshumayeli wale mfihlelo ngenxa yesipho esibububele* bukaThixo awandinika sona esebenzisa amandla akhe.+
8 Mna mntu ungaphantsi nakoyena uphantsi kubo bonke abo bangcwele,+ ndabunikwa obu bubele*+ ukuze ndishumayele kwiintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi bukaKristu obungenakulinganiswa nanto 9 ndize ndincede bonke abantu babone indlela ephunyezwa ngayo le mfihlelo ingcwele,+ ebifihlwe ixesha elide nguThixo owadala zonke izinto. 10 Le nto yenzeka ukuze kusetyenziswe ibandla+ ukwazisa oorhulumente namagunya asezulwini ngobulumko bukaThixo obubonakala ngeendlela ezininzi.+ 11 Ivumelana nenjongo kanaphakade awayeza kuyiphumeza ngoKristu,+ uYesu iNkosi yethu. 12 Nguye osenze sakwazi ukuthetha sikhululekile saza sakwazi ukusondela kuThixo+ siqinisekile yaye sinokholo kuKristu.* 13 Ngoko ke ndiyanicela ukuba ninganikezeli ngenxa yobunzima endijongene nabo ngenxa yenu, kuba buza kunenza nizukiswe.+
14 Ngenxa yaloo nto ndiguqa ngamadolo kuTata, 15 lowo zikho ngenxa yakhe zonke iintsapho ezisezulwini nasemhlabeni. 16 Ndithandazela ukuba anenze nomelele ngaphakathi+ esebenzisa amandla omoya wakhe ngenxa yozuko lwakhe olungenakulinganiswa nanto, 17 aze uKristu ahlale ezintliziyweni zenu ngenxa yokholo lwenu, nize nibathande nabanye abantu.+ Kwanga ningangagungqi+ nize nibambelele nkqi kwisiseko sokholo,+ 18 ukuze nina nabo bonke abangcwele nibuqonde ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu benyaniso, 19 niyazi nendlela uKristu anithanda ngayo+ ngendlela engenakuqondwa mntu, ukuze nifumane zonke iimpawu zikaThixo.
20 UThixo uyakwazi ukusebenzisa amandla akhe kuthi+ ukuze enze izinto ezingaphaya kwezo sizicelayo nesinokuzicinga.+ 21 Makazukiswe ngenxa yezinto azenzileyo ngebandla nangoKristu Yesu kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.