Ileta KaYakobi
5 Makhe ndithethe nani zityebi: lilani, nenze isijwili ngenxa yezinto ezibuhlungu eziza kunehlela.+ 2 Ubutyebi benu bubolile, neempahla zenu zityiwe ngamanundu.*+ 3 Igolide nesilivere yenu zityiwe zaphela yirusi, ibe yile rusi eza kunimangalela ize initye esikhumbeni. Ezi zinto nizigcinele zona ziza kufana nomlilo ngomhla wokugqibela.+ 4 Jongani! Abantu abasebenza emasimini enu bayakhala, kuba anibanikanga imivuzo yabo, ibe uYehova* wemikhosi ubavile xa bekhalela kuye, becela uncedo.+ 5 Kaloku nina beniphila kamnandi, nisanelisa iziqu zenu apha emhlabeni. Nizondle natyeba, oku kweenkomo ezilungiselelwe ukuxhelwa.+ 6 Niye nabagweba naza nababulala abantu abenza izinto ezilungileyo. UThixo akayifuni loo nto!
7 Ngoko ke, yibani nomonde bazalwana, de kufike ixesha lobukho beNkosi.+ Kaloku, umlimi usilinda ngomonde isivuno somhlaba esixabisekileyo, usilinda ngomonde de kufike ixesha leemvula zokuqala nezesibini.+ 8 Ngokunjalo ke nani, yibani nomonde,+ zomelele neentliziyo zenu, kuba ixesha lobukho beNkosi lisondele.+
9 Sanukukhalazelana bazalwana, ukuze ningagwetywa.+ Jongani! Nanku uMgwebi emi emnyango. 10 Bazalwana, fundani umzekelo wokunyamezela ububi+ nokuba nomonde+ kubaprofeti ababeshumayela egameni likaYehova.+ 11 Kaloku bonwabile* abo baye banyamezela.+ Neva ngendlela uYobhi awanyamezela ngayo,+ nayibona nendlela uYehova* awamsikelela ngayo,+ nendlela uYehova* anovelwano* nenceba ngayo.+
12 Ngaphezu kwento yonke bazalwana bam, yekani ukufunga, nokuba kungezulu okanye ngomhlaba okanye nangantoni na enye. Kodwa “uEwe” wenu makabe nguewe, “noHayi” wenu, abe nguhayi,+ ukuze ningagwetywa.
13 Ngaba kukho nabani na phakathi kwenu onengxaki?* Makaqhubeke ethandaza.+ Ngaba kukho nabani na owonwabileyo? Makacule iingoma zokudumisa.+ 14 Ngaba kukho nabani na ogulayo phakathi kwenu? Makabize abadala+ bebandla, baze bona bamthandazele, bamthambise ngeoli+ egameni likaYehova.* 15 Yaye umthandazo wokholo uza kumphilisa lowo ugulayo,* aze uYehova* amnike amandla. Ukuba ebenze izono, uza kuxolelwa.
16 Ngoko ke, zixeleni kwabanye izono zenu+ nize nithandazelane, ukuze niphiliswe. Umthandazo welungisa unamandla, ibe ungabanceda nyhani abantu.+ 17 UEliya wayengumntu njengathi, kodwa xa wathandaza ngokusuka entliziyweni ukuba kunganethi, akuzange kunethe de kwadlula iminyaka emithathu neenyanga ezintandathu.+ 18 Waphinda wathandaza, kwanetha imvula, kwatsho kwakhula nezityalo emhlabeni.+
19 Bazalwana bam, ukuba nabani na phakathi kwenu ulahlekisiwe, wayishiya inyaniso, waza omnye wambuyisa, 20 yazini ukuba nabani na obuyisa umoni ezonweni zakhe+ uza kuba umsindisa ekufeni, aze uThixo amxolele zonke izono zakhe.+