IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe “ngeXhamakazi Lasekuseni.”* Ingoma emnandi kaDavide.
22 Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?+
Kutheni ukude ekundisindiseni,
Ukude kwisandi sokugcuma kwam?+
8 “Uzinikele kuYehova. Makamsindise ke!
Makamsindise kaloku xa emthanda!”+
12 Ndingqongwe yinqwaba yeenkunzi zamathole eenkomo;+
Iinkunzi zeenkomo zakwaBhashan zindijikelezile.+
14 Ndichithwe njengamanzi;
Onke amathambo am ahlukanisiwe.
15 Amandla am omile njengeceba lengqayi,+
Nolwimi lwam luthe nca enkalakahleni;+
Wena undihlisela eluthulini lokufa.+
17 Ndingawabala onke amathambo am.+
Zona iintshaba zam zindijamele.
19 Kodwa wena, Yehova, sukuhlala ukude kum.+
Wena ungamandla am; khawuleza uze kundinceda.+
20 Ndisindise kwikrele,
Busindise ubomi bam obuxabisekileyo* kumathupha ezinja;*+
21 Ndisindise emlonyeni wengonyama+ nakwiimpondo zenkunzi yenkomo yasendle;
Ndiphendule uze undisindise.
23 Nina boyika uYehova, mdumiseni!
Nonke nina nzala* kaYakobi, mzukiseni!+
Moyikeni, nonke nina nzala* kaSirayeli.
24 Kuba akakhange amdelele ocinezelweyo okanye amenyanye xa esentlungwini;+
Akakhange abufihle ubuso bakhe kuye.+
Xa wakhalela uncedo kuye, wamva.+
25 Ndiza kukudumisa ebandleni elikhulu;+
Ndiza kuzenza izinto endizifungileyo phambi kwabo bamoyikayo.
Kwanga ungaphila ubomi obumnandi* ngonaphakade.
27 Zonke iindawo ezikude zomhlaba ziza kumkhumbula uYehova, zize kuye.
Zonke iintsapho zeentlanga ziza kuqubuda phambi kwakho.+
29 Zonke izityebi* zomhlaba ziza kutya zize ziqubude;
Bonke abo behlela eluthulini baza kuqubuda phambi kwakhe;
Akukho namnye kubo onokusindisa ubomi bakhe.
31 Baza kuza, bathethe ngobulungisa bakhe.
Baza kuxelela abantu abaseza kuzalwa ngezinto azenzileyo.