Ileta Eya KwabaseKolose
2 Kuba ndifuna nibuqonde ubunzima endijongene nabo ngenxa yenu, ngenxa yabo bonke abo baseLawodike+ nangenxa yabo bonke abo bangekandiboni. 2 Ndifuna iintliziyo zabo zithuthuzeleke,+ bamanyane kuba bethandana,+ baze basikelelwe* kuba beyiqonda yaye beyazi kakuhle imfihlelo engcwele kaThixo enguKristu.+ 3 Bonke ubutyebi bobulumko nobolwazi bufihlwe kuye.+ 4 Le nto ndiyithetha ukuze kungabikho mntu uniqhathayo kuba ecikoza. 5 Nangona ndingekho kunye nani, intliziyo yam ilapho, yaye ndivuyiswa kukubona indlela enizenza kakuhle ngayo izinto,+ nendlela eningagungqi ngayo kukholo lwenu kuKristu.+
6 Ngoko njengokuba niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba naye, 7 nizifake zitshone iingcambu zenu kuye, nize nakhelwe kuye,+ niqinisiwe elukholweni,+ kanye njengokuba nafundiswayo, niphuphuma kukuba nombulelo.+
8 Lumkani kungabikho mntu unithimbayo esebenzisa ubulumko beli hlabathi obungancedi nganto nobuqhathayo.+ Obu bulumko busekelwe kwizithethe zabantu nakwizinto ezisisiseko zeli hlabathi, kungekhona kuKristu; 9 kuba unazo zonke iimpawu zikaThixo.+ 10 Nani akukho nto niyisweleyo ngenxa kaKristu oyintloko yabo bonke oorhulumente namagunya.+ 11 Ngenxa yokuba ninobuhlobo naye, niye noluswa ngendlela eyahlukileyo kwindlela abaqhele ukwenza ngayo abantu, nahlukana nezono ezenziwa ngumzimba,+ noluka ngendlela kaKristu.+ 12 Kuba nangcwatywa naye xa wayebhaptizwa,+ yaye navuswa naye+ ngenxa yokuba ninokholo kwimisebenzi kaThixo owamvusayo ekufeni.+
13 Ngaphezu koko, nangona nanifile ngenxa yezono zenu yaye ningolukanga, uThixo wanenza naphila kunye noKristu.+ Wazixolela ngobubele zonke izono zethu+ 14 waza wawucima uMthetho owawubhaliwe+ uchasene nathi.+ Wawuphelisa ngokuwubethelela kwisibonda sokungcungcutheka.+ 15 Esebenzisa isibonda sokungcungcutheka,* uye wabakhulula oorhulumente namagunya bahamba ze,+ wabakhokela ngokungathi ngamabanjwa, ebonisa wonke umntu ukuba uboyisile.
16 Ngoko makungabikho mntu unigwebayo ngento eniyityayo neniyiselayo,+ okanye ngokubhiyozela itheko okanye ukuthwasa kwenyanga+ okanye isabatha.+ 17 Ezo zinto zisisithunzi sezinto ezizayo,+ kodwa umzimba weso sithunzi nguKristu.+ 18 Abanye abantu bathanda ukuzenza ngathi bathobekile yaye bakhonza iingelosi, kodwa nize ningabavumeli abantu abanjalo banenze ningawufumani umvuzo.+ Abanasizathu sakuqhayisa kodwa bayaqhayisa kuba becinga ngendlela yabantu abanesono, 19 yaye ababambelelanga nkqi kwintloko.+ Yile ntloko eyenza umzimba ufumane zonke izinto ozidingayo, udibane ngamalungu nemisipha yawo, uze ukhuliswe nguThixo.+
20 Ukuba nafa kunye noKristu ngokulahla izinto zobuntwana zeli hlabathi,+ kutheni niphila ngokungathi ningabeli hlabathi, ngokuthi nithobele imithetho ethi:+ 21 “Ningabambi, ningangcamli, ningachukumisi”? 22 Leyo yimithetho neemfundiso zabantu ezithetha ngezinto ezihleli ziza kuphela.+ 23 Loo mithetho ibonakala ngathi yeyobulumko kodwa ayibancedi abantu balwe neminqweno yemizimba yabo. Isizathu kukuba abo bantu bazikhethela ngokwabo ukuba baza kumkhonza njani uThixo, bezenza ngathi bathobekile yaye beyiphatha kakubi imizimba yabo.+