IiNdumiso
Eya kumalathisi; mayidlalwe ngeGititi.* Eyoonyana bakaKora.+ Ingoma emnandi.
Intliziyo yam nenyama yam imkhwaza ngovuyo uThixo ophilayo.
3 Kwanentaka izakhele apho,
Nenkonjane yazifumanela indlwane,
Apho iwabeke khona amantshontsho ayo
Kufutshane nesibingelelo sakho esizukileyo, Yehova wemikhosi,
Kumkani wam noThixo wam!
4 Bonwabile abo bahlala endlini yakho!+
Baqhubeka bekudumisa.+ (Selah)
5 Bonwabile abantu abafumana amandla kuwe,+
Abazimisele ngentliziyo yabo yonke ukuhamba koohola bendlela.
8 Owu Yehova Thixo wemikhosi, wuve umthandazo wam;
Ndimamele, owu yhini Thixo kaYakobi. (Selah)
10 Kuba usuku eyadini yakho lubhetele kuneentsuku eziliwaka kwenye indawo!+
Ndikhetha ukuma emgubasini wendlu yoThixo wam
Kunokuhlala ezintenteni zabenzi-bubi.
UYehova akabavimbi nantoni na elungileyo
Abo bangasolekiyo.+