Hezekile
46 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Igeyithi yeyadi engaphakathi ejonge empuma+ ifanele ihlale ivaliwe+ ngeentsuku ezintandathu zokusebenza,+ kodwa ngomhla weSabatha nangomhla wokuthwasa kwenyanga ifanele ivulwe. 2 Inkosi iza kungena ngeveranda yegeyithi isuka ngaphandle,+ ize ime ngasemgubasini wegeyithi. Ababingeleli baza kunikela umnikelo wayo otshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo yobuhlobo, ibe yona iza kuqubuda emgubasini wegeyithi ize emva koko iphume. Kodwa igeyithi ifanele ingavalwa de kube ngokuhlwa. 3 Nabantu belizwe baza kuqubuda kuYehova kanye apho kungenwa khona egeyithini ngeeSabatha nasekuthwaseni kweenyanga.+
4 “‘Umnikelo otshiswa ngokupheleleyo oza kunikelwa yinkosi kuYehova ngomhla weSabatha ufanele ube ngamatakane eegusha aziinkunzi amathandathu ephile qete kunye nenkunzi yegusha ephile qete.+ 5 Iza kukhupha umnikelo wokutya oyiefa* xa inikela ngenkunzi yegusha, ize ikhuphe ngokwamandla ayo xa inikela ngamatakane eegusha aziinkunzi, ikhuphe nehin* yeoli ekhapha iefa nganye.+ 6 Ngosuku lokuthwasa kwenyanga ifanele inikele ngethole lenkomo eliyinkunzi eliphile qete, ithole eliphuma emhlambini, amatakane eegusha aziinkunzi amathandathu kunye nenkunzi yegusha; zifanele zibe zeziphile qete.+ 7 Ifanele ikhuphe umnikelo wokutya oyiefa xa inikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ne-efa xa inikela ngenkunzi yegusha, ize ikhuphe ngokwamandla ayo xa inikela ngamatakane eegusha aziinkunzi. Iza kukhupha ihin yeoli ekhapha iefa nganye.
8 “‘Xa inkosi ingena, ifanele ingene ngeveranda yegeyithi, ize iphume kwangayo.+ 9 Xa abantu belizwe besiza phambi koYehova ngamaxesha amatheko,+ abo bangena ngegeyithi yasemntla+ beze kukhonza bafanele baphume ngegeyithi yasemzantsi,+ nabo bangena ngegeyithi yasemzantsi bafanele baphume ngegeyithi yasemntla. Akukho mntu ufanele aphume ngegeyithi angene ngayo, kuba ufanele aphume ngegeyithi engqamene naleyo angene ngayo. 10 Yona inkosi ephakathi kwabo imele ingene xa bengena, ize iphume xa bephuma. 11 Emibhiyozweni nakumaxesha amatheko iza kukhupha umnikelo oyiefa wokutya xa inikela ngethole lenkomo eliyinkunzi, ne-efa xa inikela ngenkunzi yegusha, ikhuphe ngokwamandla ayo xa inikela ngamatakane eegusha aziinkunzi, ize ikhuphe ihin yeoli ekhapha iefa nganye.+
12 “‘Ukuba inkosi ikhupha umnikelo otshiswa ngokupheleleyo+ okanye imibingelelo yobuhlobo njengomnikelo wokuzithandela kuYehova, imele ivulelwe igeyithi ejonge empuma, idlulisele umnikelo wayo otshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo yayo yobuhlobo kanye njengokuba isenza ngomhla weSabatha.+ Emva kokuba iphumile, igeyithi imele ivalwe.+
13 “‘Yonke imihla umele uzise itakane legusha eliyinkunzi eliphile qete nelingekawugqibi unyaka, libe ngumnikelo kuYehova otshiswa ngokupheleleyo.+ Le nto imele yenziwe ntsasa nganye. 14 Umele uzise nomnikelo wokutya osisithandathu se-efa nesithathu sehin yeoli, ukuze ifefwe kumgubo ocolekileyo njengomnikelo oziswa qho kuYehova. Lo ngumyalelo ongasoze ujike. 15 Bamele bazise itakane legusha eliyinkunzi, umnikelo wokutya, neoli ntsasa nganye njengomnikelo otshiswa ngokupheleleyo nowenziwa qho.’
16 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ukuba inkosi inika ngamnye woonyana bayo ilifa njengesipho, eso sipho siya kuba sesoonyana bayo. Lilifa labo. 17 Kodwa ukuba inkosi inika esinye sezicaka zayo isipho kwilifa layo, siza kuba sesaso de kube ngunyaka wenkululeko;+ size emva koko sibuyele kwinkosi. Ngoonyana bayo kuphela abanokuligcina ngonaphakade elo lifa. 18 Inkosi ayimele ithathe ilifa labantu ngokubakhupha ngetshova emhlabeni wabo. Ifanele inike oonyana bayo ilifa kumhlaba wayo ukuze kungabikho namnye kubantu bam ogxothwayo emhlabeni wakhe.’”
19 Le ndoda yandingenisa kwindawo yokungena+ esecaleni kwegeyithi eya kumagumbi angcwele okutyela* ababingeleli, awayejonge emntla,+ yaye apho ndabona indawo esemva ngasentshona. 20 Yathi kum: “Le yindawo ababingeleli abaza kuphekela kuyo umnikelo wetyala nomnikelo wesono, nalapho baza kubhakela khona umnikelo wokutya,+ ukuze kungabikho nto baya nayo kwiyadi engaphandle baze badlulisele ubungcwele ebantwini.”*+
21 Yandikhupha ke saya kwiyadi engaphandle yaza yandidlulisa kuzo zone iikona zeyadi, ibe kwakukho iyadi ngakwikona nganye yeyadi engaphandle. 22 Kwiikona zone zeyadi kwakukho iyadi encinci eziikubhite* eziyi-40 ubude neekubhite eziyi-30 ububanzi. Zazilingana zone.* 23 Zone zazinongqameko oluzijikelezileyo, ezantsi kolu ngqameko kukho amaziko okupheka iminikelo. 24 Emva koko yathi kum: “Ezi zizindlu abasebenzi basetempileni abaphekela kuzo umbingelelo wabantu.”+