Isaya
12 Ngaloo mini uza kuthi:
2 Jonga! UThixo uyandisindisa.+
Ndiza kuthembela kuye, ndingoyiki;+
Kuba uYa,* uYehova ungamandla am nokomelela kwam,
Kwaye uye wandisindisa.”+
4 Ngaloo mini niza kuthi:
“Bulelani kuYehova, bizani egameni lakhe,
Xelelani izizwana ngezinto azenzileyo!+
Chazani ukuba igama lakhe liphakanyisiwe.+
5 Culelani uYehova iingoma,+ kuba wenze izinto ezimangalisayo.+
Le nto mayixelelwe umhlaba wonke.