Numeri
24 Wathi akubona uBhileham ukuba uYehova uyithandile into yokusikelelwa kwamaSirayeli, zange aphinde ahambe ayokuzama imilingo eyenzakalisayo,+ kodwa wajika wajonga entlango. 2 UBhileham wathi akuphakamisa amehlo akhe, waza wabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo,+ wafikelwa ngumoya kaThixo.+ 3 Emva koko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+
“Uthi uBhileham unyana kaBhehore,
Ithi indoda evulwe amehlo,
4 Uthi lowo uva amazwi kaThixo,
Lowo ubone umbono kaSomandla,
Lowo uye waqubuda evulwe amehlo:+
Zifana nemiyezo engasemlanjeni.
Zifana namakhala atyalwe nguYehova,
Zifana nemisedare engasemanzini.
7 Amanzi ahlala ethontsiza kwizikhumba zakhe ezimbini zokugcina amanzi,
8 UThixo umkhupha eYiputa;
KuSirayeli ufana neempondo zenkunzi yenkomo yasendle.
USirayeli uza kuzitshabalalisa iintlanga ezimcinezelayo,+
Awakhukhuze amathambo azo, aze azitshabalalise ngeentolo zakhe.
9 Uye walala njengengonyama,
Yaye ngubani onesibindi sokumvusa?
Basikelelekile abakusikelelayo,
Yaye baqalekisiwe abakuqalekisayo.”+
10 UBhalaki wacatshukiswa yile nto yenziwa nguBhileham waza waqhwaba izandla, esithi: “Bendikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam,+ kodwa wena uzisikelele kwade kwakathathu. 11 Ngoku ke khawuleza ugoduke. Bendizimisele ukukuzukisa kakhulu,+ kodwa jonga! uYehova ukuvimbile olo zuko.”
12 UBhileham wathi kuBhalaki: “Andithi bendithe kubathunywa bakho, 13 ‘Nokuba uBhalaki angandinika indlu yakhe igcwele yisilivere negolide, andizukukwazi ukwenza nantoni na efunwa ndim* angayiyalelanga uYehova, nokuba incinci okanye inkulu. Ndiza kuthetha into endiyixelelwe nguYehova kuphela’?+ 14 Ngoku ndiyagoduka ndiya kubantu basekhaya. Khawuze ndikuxelele into eza kwenziwa sesi sizwana kubantu bakho kwixesha elizayo.”* 15 Ngoko wathetha intetho engumzekeliso esithi:+
“Uthi uBhileham unyana kaBhehore,
Ithi indoda evulwe amehlo,+
16 Uthi lowo uva amazwi kaThixo,
Lowo ufumene ulwazi lOyena Uphakamileyo,
Obone umbono kaSomandla
Ngoxa equbudile evulwe amehlo:
17 Ndiza kumbona, kodwa hayi ngoku;
Ndiza kumbona, kodwa hayi ngokukhawuleza.
19 KwaYakobi kuza kuphuma indoda ehamba isoyisa,+
Yaye iza kutshabalalisa nabani na osindileyo esixekweni.”
20 Wathi akubona ama-Amaleki, waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:
21 Wathi akubona amaKeni,+ waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:
“Ikhuselekile indawo ohlala kuyo, yaye uyimise eliweni.
22 Kodwa kukho umntu oza kumtshisa uKhayin.
Iza kukuthimba nini iAsiriya?”
23 Yaye waqhubeka nentetho yakhe engumzekeliso esithi:
“Yhoo! Ngubani oza kusinda xa uThixo esenza le nto?
24 Kuza kufika iinqanawa zivela kunxweme lwaseKitim,+
Ziyiphathe kakubi iAsiriya,+
Zimphathe kakubi noEbhere.
Kodwa naye uza kutshabalala.”