Hezekile
22 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Wena ke, nyana womntu, ukulungele na ukusixelela isigwebo saso* isixeko esinetyala legazi,+ uze usazise zonke izinto ezenyanyekayo esizenzileyo?+ 3 Uze uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Owu sixekondini esichitha igazi+ phakathi kwaso, elizayo ixesha laso,+ esenza izithixo ezenyanyekayo* ukuze sizingcolise,+ 4 uye wanetyala ngenxa yokuchitha igazi,+ wangcoliswa nazizithixo zakho ezenyanyekayo.+ Usisondeze ngokukhawuleza isiphelo seemini zakho, yaye sifikile isiphelo seminyaka yakho. Yiloo nto ndiza kukwenza ube yinto yokugezelwa ziintlanga, aze amazwe ahlekise ngawe.+ 5 Amazwe akufutshane nakude aza kuhlekisa ngawe,+ wena onegama elingcolileyo nogcwele isiphithiphithi. 6 Jonga! Zonke iinkosi zakwaSirayeli eziphakathi kwakho zisebenzisa igunya lazo ukuze zichithe igazi.+ 7 Zidelela ootata noomama bazo ngaphakathi kuwe.+ Ziyamqhatha umntu wasemzini, zize zimphathe kakubi umntwana ongenatata* nomhlolokazi.”’”+
8 “‘Iindawo zam ezingcwele uyazidelela, neesabatha zam uyazingcolisa.+ 9 Phakathi kwakho kukho abantu abangcolisa amagama abanye nabazimisele ukuchitha igazi.+ Phakathi kwakho, batya imibingelelo ezintabeni yaye baqhubeka besenza izinto ezimanyumnyezi.+ 10 Phakathi kwakho bayidelele ibhedi katata wabo,*+ balala nomfazi ongacocekanga kuba esexesheni.+ 11 Phakathi kwakho indoda yenza into eyenyanyekayo nomfazi wommelwane wayo,+ enye ingcolisa umolokazana wayo ngokwenza izinto ezimanyumnyezi,+ yona enye ilala nodadewayo, intombi katata wayo.+ 12 Phakathi kwakho bayanyotywa ukuze bachithe igazi.+ Ubolekisa ulindele inzala+ okanye inzuzo, ibe uyabagrogrisa abamelwane bakho ukuze bakunike imali.+ Mna ke undilibele shici,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
13 “‘Jonga! Ndiqhwaba izandla zam ndisenyanya ngenxa yenzuzo oyifumene ngamaqhinga, nangenxa yokuchithwa kwegazi phakathi kwakho. 14 Ngaba uza kuhlala unesibindi* yaye ngaba izandla zakho ziza kuhlala zomelele xa ndisilwa nawe?+ Mna Yehova ndithethile, yaye ndiza kuyenza loo nto. 15 Ndiza kukuchithachitha phakathi kweentlanga ndize ndikusasaze emazweni,+ yaye ndiza kukuphelisa ukungcola kwakho.+ 16 Uza kuhlaziswa phambi kweentlanga, yaye uza kutsho wazi ukuba ndinguYehova.’”+
17 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 18 “Nyana womntu, indlu kaSirayeli yintlenge nje kum ngoku. Bonke bayikopolo nenkcenkce nentsimbi nelothe ephakathi eziko. Baye baba yintlenge yesilivere.+
19 “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba nonke niye nayintlenge nje engenaxabiso,+ ndiza kuniqokelela ngaphakathi eYerusalem. 20 Njengokuba isilivere nekopolo nentsimbi nelothe nenkcenkce ziqokelelwa zifakwe eziko ukuze zifuthwe ngomlilo zize zinyibilike, nam ndiza kuniqokelela ngomsindo nokucaphuka kwam, yaye ndiza kunifutha ndininyibilikise.+ 21 Ndiza kuniqokelela ndize ndinifuthe ngomlilo womsindo wam,+ ibe niza kunyibilikela phakathi kwayo.+ 22 Njengokuba kunyibilikiswa isilivere eziko, nani niza kunyibilikiswa phakathi kwayo; ibe niza kutsho nazi ukuba mna Yehova, ndiwukhuphele kuni umsindo wam.’”
23 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 24 “Nyana womntu, yithi kuyo, ‘Ulilizwe elingazukucocwa okanye kunethe mvula kulo ngemini yomsindo. 25 Abaprofeti bayo benze iyelenqe phakathi kwayo,+ njengengonyama egqumayo edlakaza ixhoba.+ Baqwenga abantu. Bathimba ubutyebi nezinto ezixabisekileyo. Benze kwakho abahlolokazi abaninzi phakathi kwayo. 26 Ababingeleli bayo bawaphule umthetho wam,+ yaye bayazingcolisa iindawo zam ezingcwele.+ Abahluli phakathi kwento engcwele neqhelekileyo,+ abazazisi nezinto ezingacocekanga nezicocekileyo,+ abafuni kuzibhiyozela iisabatha zam, yaye ndingcolisiwe phakathi kwabo. 27 Iinkosana zayo phakathi kwayo zifana neengcuka ezidlakaza amaxhoba; zichitha igazi zize zibulale abantu* ukuze zenze inzuzo ngamaqhinga.+ 28 Kodwa abaprofeti bayo bafihla izinto abazenzayo ngokuziqaba mhlophe. Babona imibono engekhoyo baze bavumise ubuxoki,+ besithi: “Ithi iNkosi enguMongami uYehova,” abe uYehova engakhange athethe nto. 29 Abantu belizwe baye baqhatha baza baphanga;+ babaphatha kakubi abantu abasweleyo nabangamahlwempu, yaye bamqhathile umntu wasemzini baza abamenzela bulungisa.’
30 “‘Ndandikhangela indoda phakathi kwabo enokulungisa udonga lwamatye okanye ime ekrobeni ngenxa yelizwe, ukuze lingatshatyalaliswa,+ kodwa andizange ndifumane nenye. 31 Ngoko ndiza kuwukhuphela kubo umsindo wam ndize ndibatshabalalise ngomlilo wengqumbo yam. Ndiza kuyizisa phezu kwentloko yabo imiphumo yendlela yabo,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”