Hezekile
4 “Wena ke, nyana womntu, thatha isitena usibeke phambi kwakho. Zoba isixeko kuso, iYerusalem. 2 Sirhangqe,+ wakhe udonga lokusirhangqa,+ wakhe ithambeka lokusihlasela,+ umise neenkampu zokusihlasela, uze usirhangqe ngezixhobo zokudiliza iindonga.+ 3 Thatha ipani yentsimbi uyenze ibe ludonga lwentsimbi phakathi kwakho nesixeko. Jonga kuso, ibe xa usenza loo nto ubonisa ukuba siza kurhangqwa njani esi sixeko. Olu luphawu kwindlu kaSirayeli.+
4 “Emva koko ngqengqa ngecala lasekhohlo uze ulithwale ityala lendlu kaSirayeli.+ Uza kulithwala ityala labo kangangenani leentsuku ongqengqe ngazo. 5 Ndiza kukwabela iintsuku eziyi-390 ezimela iminyaka yetyala labo,+ ibe uza kulithwala ityala lendlu kaSirayeli. 6 Yaye umele uzigqibe.
“Emva koko uze uphinde ungqengqe okwesibini, ngecala lasekunene, uthwale ityala lendlu kaYuda+ iintsuku eziyi-40. Ndikunike usuku lube ngunyaka, usuku lube ngunyaka. 7 Uze ujonge ngakwiYerusalem erhangqiweyo+ ingalo yakho ingogqunywanga, yaye umele uprofete ngayo.
8 “Jonga! Ndiza kukubopha ngeentambo ukuze ungakwazi ukuguquka ungqengqe ngelinye icala de ziphele iintsuku zokurhangqa kwakho.
9 “Uze uthathe ingqolowa, irhasi, iimbotyi ezinkulu, iilentile, amazimba nehabile, uzigalele esityeni esinye uze uzenzele isonka ngazo. Uza kutya sona zonke ezo ntsuku ungqengqe ngazo, iintsuku eziyi-390.+ 10 Umele usilinganise uze utye iishekele eziyi-20* zaso ngemini. Uza kusitya ngamaxesha amiselweyo.
11 “Namanzi uza kuwasela ngokomlinganiselo, isithandathu sehin.* Uza kuwasela ngamaxesha amiselweyo.
12 “Uza kusitya ngokungathi utya isonka serhasi esirawundi; uza kusibhaka bekujongile, ngomlilo owubase ngelindle lomntu.” 13 UYehova waphinda wathi: “Aza kusitya ngale ndlela isonka sawo amaSirayeli, singacocekanga, phakathi kweentlanga endiza kuwathi saa kuzo.”+
14 Ndathi ke mna: “Owu yhini Nkosi enguMongami Yehova! Ukususela ebutsheni bam kude kube ngoku, andizange ndizingcolise ngokutya inyama yesilwanyana esifileyo okanye esiqwengiweyo,+ ibe akuzange kungene nyama ingacocekanga emlonyeni wam.”+
15 Ngoko wathi kum: “Kulungile ke, ndiza kukuvumela ukuba usebenzise amalongwe endaweni yelindle lomntu, uze ubhake ngawo isonka sakho.” 16 Emva koko wathi: “Nyana womntu, ndiza kukuphelisa ukutya kwakho eYerusalem,+ yaye baza kusitya ngomlinganiselo benexhala isonka sabo,+ namanzi abo baza kuwasela ngomlinganiselo besoyika.+ 17 Le nto iza kwenzeka ukuze, ngenxa yokuba bengenasonka namanzi, bajongane bemangalisiwe baze babhitye ngenxa yesono sabo.