Isaya
33 Uza kuthi shu wena utshabalalisayo, ube wena ungatshatyalaliswa,+
Nawe wena wenza ngobumenemene, ube wena ungenzelwa bumenemene!
Wakugqiba ukutshabalalisa, nawe uza kutshatyalaliswa.+
Wakugqiba ukwenza ubumenemene, nawe uza kwenzelwa ubumenemene.
2 Yehova, sicela usenzele inceba.+
Sithembele kuwe.
3 Kuthi kwakuvakala ingxolo, ziphele emehlweni izizwana.
Xa usithi thwasu, zithi saa iintlanga.+
4 Amaxhoba enu aza kudityaniswa oku kokuqokelelana kweenkumbi ezitshabalalisayo;
Abantu baza kugxalathelana ukuya kuwo oku kweenkumbi ezininzi.
5 UYehova uza kuphakanyiswa,
Kuba uhlala kwiindawo eziphezulu.
Uza kugcwalisa iZiyon ngokusesikweni* nobulungisa.
6 Uyintsika yexesha lakho;
Umthombo wosindiso,+ ubulumko, ulwazi, nokumoyika uYehova,+
Zonke zibubutyebi bakhe.
8 Oohola beendlela bashiywe apho;
Akusahanjwa kwiindledlana.
9 Ilizwe liyazila* yaye liyabuna.
ILebhanon ihlazekile;+ ibolile.
ISharon ibe njengentlango;
Ibe iBhashan neKarmele zivuthulula amagqabi azo.+
11 Niye namitha ingca eyomileyo naza nazala iindiza.
Izinto enizicingayo ziza kunidla oku komlilo.+
12 Yaye izizwana ziza kuba njengokutshiswa kwekalika.
Ziza kutshiswa oku kwameva ageciweyo.+
13 Nina bakude, mamelani ukuba ndiza kwenza ntoni!
Nina bakufutshane, vumani amandla am!
‘Ngubani kuthi onokuhlala kwindawo enomlilo oqwengayo?+
Ingubani kuthi onokuhlala namalangatye angacimekiyo?’
15 Lowo uqhubeka ehamba ngobulungisa,+
Othetha okulungileyo,+
Okukhabela pha kude ukuqhatha, nenzuzo efunyenwe ngondlela-mnyama,
Ozandla zakhe zalayo ukuthatha isinyobo, endaweni yokusitsibela,+
Ozivalayo iindlebe zakhe kwintetho engokuchitha igazi,
Nowavalayo amehlo akhe ukuze angaboni bubi.
16 Uza kuhlala kwiindawo eziphezulu;
Indawo yakhe ekhuselekileyo abalekela kuyo iza* kuba semaweni,
Uza kusinikwa isonka sakhe;
Nesibonelelo sakhe samanzi asizukuphela.”+
17 Amehlo akho aza kubona ukumkani ekuzuko lwakhe;
Aza kubona ilizwe elikude.
18 Entliziyweni yakho kuza kuthi qatha* izinto ezazikoyikisa:
“Uphi unobhala?
Uphi umntu owayebeka izinto esikalini?+
Uphi umntu owayebala iinqaba?”
19 Soze uphinde ubabone abantu abasileyo,
Abathetha izinto ezinzulu ekunzima ukuziqonda,
Ongenakuzilandela ngenxa yokuthintitha kwabo.+
20 Jongani iZiyon, isixeko samatheko!+
Amehlo akho aza kubona iYerusalem iyindawo ekwenza uphole engqondweni,
Iyintente engasoze ifuduswe.+
Izikhonkwane zayo soze zincothulwe,
Neentambo zayo soze ziqhawuke.
21 Phaya eYerusalem, Lowo Umkhulu, uYehova,
Uza kuba yindawo yemilambo kuthi, imijelo ebanzi.
Akuzukuhamba mkhosi wazikhephe apho,
Kungazukudlula nazinqanawa zinkulu.
22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+
UYehova nguMniki-mthetho wethu,+
UYehova nguKumkani wethu;+
Nguye oza kusisindisa.+
23 Iintambo zeentshaba zakho ziza kuba yekeyeke;
Zingakwazi ukuyibamba ime imasti; neseyile zingakwazi ukuyolula.
Ngelo xesha izinto ezininzi ezifunyenwe emfazweni ziza kwahlulwa;
Nkqu neziqhwala ezi ziza kuzithaphulela kwezo zinto.+
24 Akakho umhlali wakhona oza kuthi: “Ndiyagula.”+
Abantu baloo ndawo baza kuzixolelwa iziphoso zabo.+