Isaya
39 Ngelo xesha ukumkani waseBhabhiloni uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, wathumela iileta nesipho kuHezekiya,+ kuba wayevile ukuba ebekhe wagula, kodwa ngoku uphilile.+ 2 UHezekiya wawamkela ngezandla ezishushu* la madoda waza wawabonisa indlu yobutyebi,+ isilivere, igolide, ioli yebhalsam, enye ioli exabisekileyo, zonke izixhobo zakhe, nabo bonke ubutyebi bakhe. Akukho nto angazange awabonise yona endlini yakhe nakubo bonke ubukhosi bakhe.
3 Emva koko umprofeti uIsaya weza kuKumkani uHezekiya, wathi kuye: “Aye athini la madoda? Khona, ebevela phi?” UHezekiya wathi: “Avela kwilizwe elikude, eBhabhiloni.”+ 4 Emva koko wambuza: “Abone ntoni endlini yakho?” UHezekiya wathi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwabonise bonke ubutyebi bam.”
5 Wathi uIsaya kuHezekiya: “Uthi uYehova wemikhosi, 6 ‘Jonga ke! Kuza imihla apho yonke into esendlini yakho nayo yonke into eyaqokelelwa ngookhokho bakho kude kube ngoku, iza kuthwalelwa eBhabhiloni. Akuzukushiyeka kwanto,’+ utsho uYehova.+ 7 ‘Ibe abanye boonyana bakho oza kubazala, baza kuthathwa baze babe ngamagosa kwindlu kakumkani waseBhabhiloni.’”+
8 UHezekiya wathi kuIsaya: “Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo.” Emva koko wathi: “Kuba kaloku kuza kube kukho uxolo nenzolo* ngeyam imihla.”+