Isaya
38 Ngaloo mihla uHezekiya wagulela ukufa.+ Umprofeti uIsaya+ unyana ka-Amotsi weza kuye waza wathi: “Uthi uYehova, ‘Yolela kwindlu yakho, kuba awuzukuphila, uza kufa.’”+ 2 Akuva loo nto, uHezekiya waguquka wajonga ngaseludongeni waza wathandaza kuYehova wathi: 3 “Owu yhini Yehova ndiyakucenga, ndicela ukhumbule+ indlela endiye ndathembeka ngayo kuwe, ndikukhonza ngentliziyo yam yonke.+ Ndiye ndenza izinto ezilungileyo emehlweni akho.” Emva koko, uHezekiya watsho ngesikhalo esikrakra.
4 Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya lisithi: 5 “Buyela kuHezekiya+ uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova uThixo kaDavide ukhokho wakho: “Ndiwuvile umthandazo wakho.+ Ndizibonile iinyembezi zakho.+ Ndiza kongeza iminyaka eyi-15 kubomi bakho,*+ 6 ndikusindise esandleni sikakumkani waseAsiriya, ibe ndiza kusilwela esi sixeko.+ 7 Nantsi into evela kuYehova eza kukuqinisekisa ukuba uYehova uza kuyenza into ayithethileyo:+ 8 Ndiza kwenza ithunzi lelanga elehla kwizitepsi* zika-Ahazi libuye umva izitepsi ezilishumi.”’”+ Ngoko ke ilanga labuya umva izitepsi ezilishumi elalisele lizehlile.
9 Lo ngumbhalo owabhalwa nguKumkani uHezekiya wakwaYuda emva kokugula nokuphila kwakhe kwisifo awayenaso.
Ndiza kohluthwa iminyaka yam esaseleyo.”
11 Ndathi: “Andizukumbona uYa,* uYa, kwilizwe labaphilayo.+
Andisazukubabona abantu
Xa ndikunye nabemi belizwe apho yonke into ithi shwaka.
Ubomi bam ndibusonge njengelaphu lomluki;
Ndisikwa oku kwelaphu lisikwa kwisixhobo sokuluka.
Ukususela emini ukuya kutsho ebusuku, ndisiwa esiphelweni.+
13 Ndiye ndazithuthuzela kwade kwasa.
Amathambo am onke amana esaphulwa, ngathi aphulwa yingonyama;
Ukususela emini ukuya kutsho ebusuku, ndisiwa esiphelweni.+
Amehlo am ajonge phezulu eluzizi:+
15 Ndingathetha ndithini na kodwa?
Kaloku akathethanga nje, kodwa wenzile.
Ndiza kuhlala ndihamba ndithobekile* ubomi bam bonke
Ngenxa yobukrakra bentlungu yam.
Uza kundiphilisa uze undigcine ndiphila.+
17 Jonga! Endaweni yoxolo, bekukrakra gqitha kum;
Kodwa ngenxa yokuba undithanda,
Uye wandisindisa emngxunyeni wentshabalalo.+
Zonke izono zam uziphose emva kwakho.*+
Abo behlela emngxunyeni abanakuthembela kuwe.+
19 Abaphilayo, abaphilayo ngabo abakwaziyo ukukudumisa,
Kanye njengokuba nam ndikwazi ukukudumisa namhlanje.
Utata unokubafundisa oonyana bakhe ngokunyaniseka kwakho.+
20 Yehova Thixo wam, ndisindise,
Ibe siza kuzidlala ngomrhubhe iingoma zam+
Endlini kaYehova+ ubomi bethu bonke.’”
21 UIsaya wathi: “Yizani nesonka samafiya* omisiweyo nize nisiqabe kwithumba lakhe ukuze aphile.”+ 22 Kaloku wayebuzile uHezekiya wathi: “Ndiza kubona ngantoni ukuba ndiza kunyuka ndiye endlini kaYehova?”+