Yeremiya
31 “Ngelo xesha,” utsho uYehova, “ndiza kuba nguThixo kuzo zonke iintsapho zakwaSirayeli, zize zona zibe ngabantu bam.”+
2 Uthi uYehova:
“Abantu abasindayo ekreleni bathandwa nguThixo entlango,
Xa uSirayeli wayesiya kwindawo yakhe yokuphumla.”
3 UYehova wabonakala kum ekude waza wathi:
“Ndiyakuthanda kwaye ndakuhlala ndikuthanda ngonaphakade.
Yiyo le nto ndikutsalele kum ngothando olungagungqiyo.*+
5 Uza kuphinda utyale amasimi eediliya ezintabeni zaseSamariya;+
Abatyali baza kutyala baze batye isiqhamo sazo.+
6 Kuba kuseza imini apho oonogada abasezintabeni zakwaEfrayim beza kukhwaza bathi:
‘Phakamani, masinyukeni siye eZiyon, kuYehova uThixo wethu.’”+
7 Kuba uthi uYehova:
“Khwazani uYakobi nivuya.
Khwazani ninemincili kuba ningaphezu kweentlanga.+
Vakalisani; dumisani nize nithi,
‘Yhini Yehova, sindisa abantu bakho abashiyekileyo bakwaSirayeli.’+
8 Ndiza kubazisa bevela kwilizwe lasemntla.+
Ndiza kubaqokelela bevela kwezona ndawo zikude emhlabeni.+
Phakathi kwabo kuza kubakho abantu abangaboniyo nabangakwazi kuhamba,+
Umfazi okhulelweyo nomfazi ozalayo.
Baza kubuyela apha belibandla elikhulu.+
Ndiza kubakhokela ngoxa becenga becela inceba.
Ndiza kubahambisa baye kwimifula yamanzi,+
Ngendlela ethe tyaba engazukubakhubekisa.
Kuba ndinguTata kaSirayeli, yaye uEfrayim lizibulo lam.”+
“Lowo wasasaza uSirayeli uza kumqokelela.
Uza kumgada njengomalusi kumhlambi wakhe.+
12 Baza kuza bekhwaza ngovuyo kwindawo ephakamileyo yaseZiyon+
Bakhazimle ngenxa yokulunga kukaYehova,
Ngenxa yeenkozo nangenxa yewayini entsha+ nangenxa yeoli,
Nangenxa yamathole omhlambi weegusha noweenkomo.+
13 “Ngelo xesha intombi engazange yalala nandoda iza kudanisa ivuya,
Nabafana namadoda amadala, xa bebonke.+
Ndiza kukutshintsha ukuzila kwabo kube kukuvuya.+
Ndibathuthuzele ndize ndibenze bonwabe, bangakhathazeki.+
14 Ndiza kubanelisa ababingeleli ngezinto ezininzi,*
Ibe abantu bam baza kwaneliseka ngokulunga kwam,”+ utsho uYehova.
15 “Uthi uYehova:
‘Kuvakala ilizwi eRama,+ isijwili nokulila okukrakra:
URakeli ulilela oonyana* bakhe.+
Akathuthuzeleki, kuba abasekho.’”+
16 Uthi uYehova:
“‘Zibambe ungalili, namehlo akho angabi nazinyembezi,
Kuba uza kunikwa umvuzo ngenxa yomsebenzi wakho,’ utsho uYehova.
‘Baza kubuya elizweni lotshaba.’+
17 ‘Kukho ithemba ngekamva lakho,’+ utsho uYehova.
‘Oonyana bakho baza kubuyela kummandla wabo.’”+
18 “Ngokuqinisekileyo ndimvile uEfrayim encwina esithi,
‘Undilungisile, yaye ndilungisekile.
Njengethole lenkomo elingaqeqeshwanga.
Ndibuyise, yaye ndiza kukulungela ukubuya,
Kuba unguYehova uThixo wam.
19 Kuba emva kokubuya kwam ndazisola;+
Emva kokuba ndenziwe ndaqonda, ndazibetha ethangeni ngenxa yentlungu.
Ndaba neentloni, ndaziva ndithotyiwe,+
Kuba ndandithwele ihlazo lobutsha bam.’”
20 “UEfrayim akangonyana oxabisekileyo na kum, okanye umntwana endimthandayo?+
Kuba okukhona ndimgxeka, kokukhona ndimkhumbula.
Yiloo nto kusika ngaphakathi kum.*+
Ndiza kumsizela,” utsho uYehova.+
Qwalasela uhola wendlela, indlela ekufuneka uhambe ngayo.+
Buya ntombi kaSirayeli engazange yalala nandoda, buyela kwezi zixeko zakho.
22 Kuza kude kube nini na ungapha nangapha, ntombi engathembekanga?
Kuba uYehova udale into entsha emhlabeni:
Umfazi uza kuleqa indoda.”
23 Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Baza kuphinda bathethe la mazwi elizweni lakwaYuda nakwizixeko zalo xa ndiqokelela abathinjwa bazo: ‘Kwanga uYehova angakusikelela, owu ndawo yokuhlala yobulungisa,+ owu ntaba engcwele.’+ 24 UYuda nazo zonke izixeko baza kuhlala kuyo bonke, abalimi nabo bakhokela imihlambi.+ 25 Kuba ndiza kumanelisa odiniweyo, ndimhluthise lowo utyhafiswe yindlala.”+
26 Emva koko ndavuka, ndavula amehlo, yaye ubuthongo bam babumnandi.
27 “Jonga! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kutyala ngayo indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu* yomntu nangembewu yemfuyo.”+
28 “Kanye njengoko ndandihlala ndibagadile ukuze ndincothule, ndidilize, ndichithe, nditshabalalise nokuze ndenze umonakalo,+ ndiza kuhlala ndibagadile ukuze ndakhe nokuze ndityale,”+ utsho uYehova. 29 “Ngaloo mihla abazukuphinda bathi, ‘Ootata batye iidiliya ezikrwada, kodwa ngamazinyo oonyana aye aba buthelezi.’*+ 30 Kodwa ngamnye uza kufa ngenxa yesono sakhe. Nabani na otya iidiliya ezikrwada, ngamazinyo akhe aza kuba buthelezi.”
31 UYehova uthi, “Jonga! kuza imihla endiza kwenza ngayo isivumelwano esitsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda.+ 32 Asizukuba njengesivumelwano endasenza nookhokho babo ngemini endababamba ngayo ngesandla ndabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ ‘isivumelwano sam abasaphulayo,+ nangona mna ndandiyeyona nkosi yabo,’* utsho uYehova.”
33 UYehova uthi, “Kuba esi sisivumelwano endiza kusenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla. Ndiza kufaka umthetho wam ngaphakathi kubo,+ ndize ndiwubhale entliziyweni yabo.+ Ibe ndiza kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+
34 “Kwaye akukho mntu oza kuphinda afundise ummelwane nomntakwabo, esithi, ‘Mazini uYehova!’+ kuba bonke baza kundazi, ukususela koyena mncinci ukuyokutsho koyena mkhulu kubo,”+ utsho uYehova. “Kuba ndiza kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andizukusikhumbula.”+
35 Uthi uYehova,
Odale ilanga lokukhanyisa emini,
Obeke imithetho yenyanga neenkwenkwezi zokukhanyisa ebusuku,
Lowo uzamazamisa ulwandle ukuze amaza alo alwatyuze,
Lowo igama lakhe linguYehova wemikhosi:+
36 “‘Ukuba le mithetho ingangasebenzi,’ utsho uYehova,
‘Nenzala kaSirayeli ingayeka ngonaphakade ukuba luhlanga phambi kwam.’”+
37 Uthi uYehova: “‘Ndingayilahla inzala kaSirayeli ngenxa yazo zonke izinto ezenzileyo kuphela xa amazulu enokumetwa zize iziseko zomhlaba zigocagocwe,’ utsho uYehova.”+
38 “Jonga! Kuza imihla,” utsho uYehova, “ekuza kwakhelwa uYehova isixeko+ ukususela kwiNqaba KaHananeli+ ukuya kwiGeyithi Esekoneni.+ 39 Nentambo yokumeta+ iza kuya ngqo phambili endulini yaseGarebhe, ize ijike iye eGowa. 40 Ibe yonke intili yezidumbu neyothuthu,* nawo onke amasimi ukuya kutsho kwiNtlambo YeKidron,+ ukuya kutsho kwikona yeGeyithi Yamahashe+ ngasempumalanga, iza kuba yinto engcwele kuYehova.+ Ayisoze iphinde incothulwe okanye ichithwe.”