Isaya
46 UBhele ugobile,+ uNebho uthokombile.
Ezi zithixo zikhweliswe kwizilwanyana, izilwanyana ezithwala imithwalo+
Zinjengomthwalo osinda izilwanyana ezidiniweyo.
2 Zombini ziyagoba ibe zithokombile;
Azikwazi nokuncedisa kule mithwalo,*
Ibe zona, zona kanye ziyathinjwa.
3 “Khanindimamele, owu yhini ndlu kaYakobi, nani nishiyekileyo bendlu kaSirayeli,+
Nina ndanixhasayo, ndanithwala ukususela esibelekweni.+
Njengoko bendihlala ndisenza, ndiza kunithwala, ndinifunqule ndize ndinisindise.+
6 Kukho abo bakhupha igolide eninzi ezipajini zabo;
Abo bakala isilivere.
Baqesha ichule elisebenza ngeentsimbi lize libenzele uthixo.+
Kwabona baqubuda kuye baze bamkhonze.+
Akasuki kuloo ndawo ebebekwe kuyo.+
Bayamkhwaza, kodwa akaphenduli;
Akakwazi kusindisa namnye kwintlungu yakhe.+
8 Khumbulani ezi zinto, nize nibe nesibindi.
Zigcineni ezintliziyweni nina boni.
9 Khumbulani izinto zokuqala, zakudala,
Ukuba ndinguThixo ibe akekho ofana nam
NdinguThixo ibe akekho onjengam.+
Ndiyithethile loo nto ibe ndiza kuyenza.
Ndigqibe ngolo hlobo ibe ndiza kuyenza.+
Ndiza kuyisindisa iZiyon, ndimenze abe mhle uSirayeli.”+