Yeremiya
3 Abantu bayabuza: “Ukuba indoda iyamgxotha umfazi wayo aze yena aye kwenye indoda, ngaba loo ndoda ifanele ibuyele kuloo mfazi?”
Ngaba elo lizwe alingcoliswanga ngokupheleleyo?+
“Wena uye wathengisa ngomzimba kubantu abaninzi;+
Ngaba ke ngoku ufanele ubuyele kum?” utsho uYehova.
2 “Phakamisela amehlo akho kwiinduli ezize, uze ubone.
Kuphi apho ungadlwengulwanga khona?
Ubalinde ecaleni kweendlela,
Njengonothwal’ impahlana* entlango.
Uqhubeka ungcolisa ilizwe
Ngokuthengisa kwakho ngomzimba nangobubi obenzayo.+
5 Ngaba umntu umele ahlale ecaphukile ngonaphakade,
Okanye ahlale enenzondo?’
Uthetha loo nto,
Kodwa uhlala usenza zonke izinto ezimbi okwaziyo ukuzenza.”+
6 Ngemihla kaKumkani uYosiya,+ uYehova wathi kum: “‘Uyibonile na into eyenziwe nguSirayeli ongathembekanga? Unyuke waya kuzo zonke iintaba eziphakamileyo naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza, ukuze athengise ngomzimba.+ 7 Nasemva kokuba enze zonke ezi zinto, ndandisoloko ndimxelela ukuba abuyele kum,+ kodwa akazange abuye; noYuda wahlala emjongile udadewabo onamaqhinga.+ 8 Ndathi ndakuyibona loo nto, ndamkhulula uSirayeli ongathembekanga, ndamnika isatifiketi sokuqhawula umtshato+ ngenxa yokuba wayekrexeza.*+ Kodwa udadewabo onamaqhinga uYuda akazange oyike; naye wasuka wayokuba ngumfazi othengisa ngomzimba.+ 9 Ukuthengisa kwakhe ngomzimba wakuthatha njengento engenamsebenzi, waqhubeka elingcolisa ilizwe waza wakrexeza* namatye nemithi;+ 10 Phezu kwayo yonke loo nto, udadewabo uYuda onamaqhinga akabuyelanga kum ngentliziyo yakhe yonke, uzenze ngathi ubuyele,’ utsho uYehova.”
11 Emva koko, uYehova wathi kum: “USirayeli ongathembekanga ulilungisa kakhulu kunoYuda onamaqhinga.+ 12 Hamba uyokuthetha la mazwi emntla:+
“‘“Yhini Sirayeli ondijikeleyo, buya,” utsho uYehova.’+ ‘“Andizukukujonga ndinomsindo,+ kuba ndithembekile,” utsho uYehova.’ ‘“Andizukuhlala ndicaphukile. 13 Wena nje vuma ukuba unetyala, kuba uye wamjikela uYehova uThixo wakho. Uye waqhubeka uleqeka emva kwabantu* basemzini,* phantsi kwayo yonke imithi eluhlaza, kodwa awulimamelanga ilizwi lam,” utsho uYehova.’”
14 “Buyani nina bonyana bangathobeliyo,” utsho uYehova. “Kuba mna ndiye ndayinkosi yenu;* ndiza kuthatha abe mnye esixekweni baze babe babini entsatsheni, ibe ndiza kunizisa eZiyon.+ 15 Ndiza kuninika abelusi ngokuvumelana nentliziyo yam,+ kwaye baza kunondla ngolwazi nangobulumko. 16 Ngaloo mihla niza kuba baninzi nize niqhame,” utsho uYehova.+ “Abasazukuba sathi, ‘Ityeya yesivumelwano kaYehova!’ Ayizukuthi qatha entliziyweni, bengazukuyikhumbula okanye bayifune, ibe ayizukuphinda yenziwe. 17 Ngelo xesha baza kuyibiza iYerusalem ngokuba yitrone kaYehova;+ yaye zonke iintlanga ziza kuhlanganiselwa kwigama likaYehova eYerusalem,+ ibe abazukuzilandela ngenkani iintliziyo zabo ezimbi.”
18 “Ngaloo mihla baza kuhamba kunye, indlu kaYuda nendlu kaSirayeli,+ ibe bobabini baza kuphuma kwilizwe lasemntla baye kwilizwe endalinika ookhokho benu ukuba libe lilifa.+ 19 Ibe ndacinga le nto, ‘Ngebhongo ndanibeka phakathi koonyana ndaza ndaninika ilizwe elithandekayo, ilifa elihle phakathi kweentlanga!’*+ Kwakhona ndandicinga ukuba niza kuthi xa nindibiza, ‘Tata!’ ibe anizukuyeka ukundilandela. 20 ‘Kanye njengomfazi oshiye indoda yakhe ngamaqhinga,* nina ndlu kaSirayeli nindenzele amaqhinga,’+ utsho uYehova.”
21 Kwiindlela ezihanjwayo kuvakele isandi,
Ukulila nokubongozwa kwabantu bakwaSirayeli.
Kuba bayigqwethile indlela yabo;
Bamlibele uYehova uThixo wabo.+
22 “Buyani, nina bonyana baqaqadekileyo.
Ndiza kuniphilisa ekuqaqadekeni kwenu.”+
“Sithi aba! Size kuwe,
Kuba wena Yehova unguThixo wethu.+
23 Iinduli kwakunye nengxolo esezintabeni zezobuxoki.+
NguYehova uThixo wethu osindisa uSirayeli.+