Isaya
51 “Ndimameleni nina baleqa ubulungisa,
Nina nifuna uYehova.
Jongani kwiliwa enembiwe kulo,
Kwikwari enembiwe kuyo.
3 Kuba uYehova uza kuyithuthuzela iZiyon.+
Uza kuzithuthuzela zonke iindawo zayo ezitshabaleleyo,+
Intlango yayo ayenze ibe njenge-Eden,+
Ibe njengomyezo kaYehova.+
Kuza kubakho kuyo uvuyo nolonwabo,
Umbulelo nengoma emnandi.+
5 Buyasondela ubulungisa bam.+
6 Phakamiselani amehlo enu emazulwini,
Nijonge naphantsi emhlabeni.
Kuba amazulu aza kuphel’ emehlweni njengomsi,
Nomhlaba uguge oku kwempahla,
Nabemi bawo bafe oku kweembuzane.
Sanukoyika xa abantu abafayo behlekisa ngani,
Mazinganoyikisi kangaka izithuko zabo.
8 Kuba inundu* liza kubatya ngokungathi yimpahla;
Inundu elitya impahla liza kubatya ngathi litya uboya.+
Kodwa bona ubulungisa bam, buza kuhlala bukho ngonaphakade,
Ndihlale ndingumsindisi kuzo zonke izizukulwana.”+
Vuka njengakwimihla yakudala, njengokuba wenzayo kwizizukulwana ezadlulayo.
10 Ayinguwe na owomisa ulwandle, amanzi anzulu ngendlela emangalisayo?+
Lowo wenza iinzulu zolwandle zaba yindlela yokunqumla abo bahlawulelweyo?+
11 Abo bahlawulelweyo bakaYehova baza kubuya.+
Bathiwe jize ngolonwabo,
Ibe intlungu nokuncwina ziza kubabaleka.+
12 “Ndim kanye onithuthuzelayo.+
Yintoni enokunenza noyike umntu ofayo,+
Nonyana womntu oza kubuna oku kwengca?
Benihlala ningcungcuthekiswa ngumsindo womcinezeli,*
Ngokungathi ebeza kukwazi ukunitshabalalisa.
Uphi ke ngoku loo msindo womcinezeli?
14 Sele eza kukhululwa lowo ubotshwe ngamatsheyini;*+
Akazukufa, engazi kufakwa emngxunyeni,
Kanti akazukudinga nesonka.
15 Kodwa mna ndinguYehova, uThixo wakho,
Lowo uzamazamisa ulwandle, aze alwatyuzise namaza alo,+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+
16 Ndiza kufaka emlonyeni wakho amazwi am,
Ndize ndikusithe ngethunzi lesandla sam,+
Ukuze ndityale amazulu ndize ndibeke isiseko somhlaba,+
Ukuze ndithi kwiZiyon, ‘Ningabantu bam.’+
Usele indebe engenamqheba;
Uyisele wayifinca indebe egxadazelisayo.+
18 Akukho namnye koonyana abazelwe yiYerusalem abayibonisa indlela,
Kungekho namnye koonyana ebakhulisileyo oye wayibamba ngesandla.
19 Wehlelwe zezi zinto zimbini.
Uza kusizelwa ngubani?
Utshatyalalisiwe, wafikelwa yindlala nekrele!+
Uza kuthuthuzelwa ngubani?+
20 Oonyana bakho bafe isiqaqa.+
Bathe tywaa kuzo zonke iikona zezitrato*
Ngathi ziigusha zasendle zibanjiswe emnatheni,
Bawuve ngokupheleleyo umsindo kaYehova, nokukhalinyelwa nguThixo kuphezu kwabo.”
21 Khawumamele apha,
Wena mfazi usentlungwini nonxilileyo, kodwa enganxiliswanga yiwayini.
22 Ithi iNkosi yakho uYehova, uThixo olwela abantu bakhe:
“Jonga! Ndiza kuyithatha esandleni sakho indebe ekwenza ugxadazele,+
Indebe engenamqheba, indebe yomsindo wam;
Soze uphinde usele kuyo.+
23 Ndiza kuyibeka esandleni sabo bakungcungcuthekisayo,+
Abo bathi kuwe, ‘Khawuqubude ukuze sihambe phezu kwakho!’
Waza umqolo wakho wawenza umhlaba,
Isitrato sokuba bahambe kuso.”