IiNdumiso
Kumalathisi. Eyoonyana bakaKora.+ Ingoma emnandi.
49 Yivani oku, nonke zizwana.
4 Ndiza kumamelisisa xa kuthethwa ngemizekeliso;
Ndiza kuzichaza izafobe zam ngohadi.
5 Kutheni ndifanele ndoyike ngamaxesha obubi,+
Xa ndingqongwe yinkohlakalo yabo* bafuna ukundibhukuqa?
6 Abo bathembele ngobutyebi babo+
Nabaqhayisa ngobutyebi babo obuninzi,+
7 Akukho namnye kubo onokumkhulula umntakwabo
Okanye onokumhlawulela kuThixo,+
8 (Ixabiso lokuhlawulela ubomi babo lixhome
Kangangokuba abanakuze balifikelele);
10 Uyabona ukuba kwanezilumko ziyafa;
Izidenge nabangasebenzisi ngqondo baza kutshabalala kunye,+
Babushiyele abanye ubutyebi babo.+
11 Banqwenela ukuba izindlu zabo zihlale ngonaphakade,
Nokuba iintente zabo zihlale ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye.
Imihlaba yabo bayibiza ngamagama abo.
12 Kodwa umntu, nangona ehlonitshwa, akazukuhlala ephila;+
Akakho ngcono kunamarhamncwa atshabalalayo.+
13 Leyo ke yindlela yabo bazizidenge+
Nabo babalandelayo, abawathandayo amazwi abo angancedi nganto. (Selah)
14 Baza kuya engcwabeni* njengeegusha.
Ukufa kuza kubalusa;
Amalungisa aza kubalawula+ kwakusasa.
Baza kutshabalala kungasali nomkhondo lo wabo;+
Ikhaya labo liza kuba lingcwaba,*+ alizukuba yindlu kakumkani.+
16 Sukoyika xa ubona umntu esiba sisityebi,
Xa uzuko lwendlu yakhe lusanda,
17 Kuba xa esifa akukho nto anokuhamba nayo;+
Uzuko lwakhe aluzukuhamba naye.+
18 Kuba xa ebesaphila ebeqhayisa.+
(Abantu bayakuncoma xa uphumelela.)+
19 Kodwa ekugqibeleni wehlelwa sesookhokho bakhe.
Abasoze baphinde bakubone ukukhanya.