Isaya
55 Nonke nina ninxaniweyo+ yizani, yizani emanzini!+
Nina ningenamali, yizani nithenge nize nitye!
Nangoku, yizani nithenge iwayini nobisi+ ngaphandle kwemali, simahla.+
2 Kutheni niqhubeka nikhupha imali ngento engesosonka,
Kwaye kutheni nichitha imali yenu eniyisebenzele nzima kwimfitshimfitshi?
Ndimameleni ukuze nihlale niphila,
Kwaye ndiza kukulungela ukwenza isivumelwano nani esiza kuhlala sikho+
Ndinithande ngothando olungagugqiyo endaluthembisa uDavide.+
5 Jonga! Uza kubiza uhlanga ongalwaziyo,
Nabantu bohlanga ababengakwazi baza kubalekela kuwe,
Ngenxa kaYehova uThixo wakho,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli,
Kuba uza kukuzukisa.+
6 Funani uYehova ngoxa esafumaneka.+
Mbizeni ngoxa esekufutshane.+
7 Umntu ongalunganga makashiye indlela yakhe,+
Nomenzi-bubi makazishiye iingcinga zakhe;
Makabuyele kuYehova, oza kumenzela inceba,+
9 “Njengokuba amazulu ephakamile kunomhlaba,
Neendlela zam ziphakamile kuneendlela zenu,
Neengcinga zam ziphakamile kuneengcinga zenu.+
10 Njengokuba kusihla imvula nekhephu emazulwini,
Zingabuyeli kuwo zingawumanzisanga umhlaba, ziwenze uvelise kwaye uhlume,
Umnike imbewu umntu otyalayo, umnike nesonka otyayo,
Soze libuyele kum lingayenzanga into endiyithethileyo,+
Kodwa nakanjani, liza kukwenza ukuthanda kwam,*+
Ibe liza kuphumelela kuloo nto ndilithuma ukuba liyenze.
Iintaba neenduli ziza kuvuya phambi kwenu, zikhwaze ngovuyo,+
Nemithi yonke yasendle iza kuqhwaba izandla.+