IiNdumiso
EkaDavide.
2 Unothando olungagungqiyo ibe uyindawo yam ekhuselekileyo,
Uyindawo endibalekela kuyo* nomsindisi wam,
Ulikhaka lam nomkhuseli wam,+
Lowo woyisa izizwana phantsi kwam.+
3 Owu Yehova, ebeyintoni na umntu ukuba ungade umqaphele,
Unyana womntu nje ofayo ukuba ungade umhoye?+
6 Lenyezisa imibane, uzibethe zithi saa iintshaba zam;+
Zidubule ngeentolo zakho zitsho ziduba-dubeke.+
7 Yolula izandla zakho usezulwini;
Ndihlangule, undisindise emanzini alwayo,
8 Abamlomo uthetha ubuxoki
Nabaphakamisa isandla sabo sasekunene ukuze bafunge ngobuxoki.
9 Owu Thixo, ndiza kukuculela ingoma entsha.+
Ndiza kukudumisa ngengoma* nangomrhubhe oneentambo ezilishumi,
10 Wena owenza ookumkani boyise,*+
Osindisa uDavide umkhonzi wakho ekubulaweni likrele.+
11 Ndihlangule, undisindise kwabasemzini,
Abamlomo uthetha ubuxoki
Nabaphakamisa isandla sabo sasekunene ukuze bafunge ngobuxoki.
12 Oonyana bethu baza kuba njengezityalo ezincinci ezikhula ngokukhawuleza,
Iintombi zethu zibe njengeentsika zekona ezihonjiselwe indlu kakumkani.
13 Iindawo zethu zokugcina ukutya ziza kuphuphuma ziintlobo ngeentlobo zokutya;
Imfuyo yethu iza kuphindaphindeka ibe ngamawaka, amashumi amawaka.
14 Iinkomo zethu ezimithiyo azizukuphuma sisu;
Akukho sikhalo siza kuvakala kwiindawo zethu zikawonke-wonke.
15 Bonwabile abantu eza kwenzeka kubo le nto!
Bonwabile abantu abanoThixo onguYehova!+