IiNdumiso
Ingoma emnandi kaDavide, xa wayekwintlango yakwaYuda.+
63 Owu Thixo, unguThixo wam, ndihlala ndikukhangela.+
Ndikunxanelwe.+
Ndityhafile ngenxa yokufuna wena
Emhlabeni owomileyo, ekungekho manzi kuwo.+
4 Ngaloo ndlela ndiza kukudumisa ubomi bam bonke;
Ndiza kuphakamisa izandla zam egameni lakho.
5 Ndanelisekile kuba ndifumene esona sabelo sihle nesityebileyo,*
Ngoko umlomo wam uza kukudumisa, ize imilebe yam ikuculele.+
9 Kodwa abo bafuna ukunditshabalalisa
Baza kwehlela kwezona ndawo zisezantsi zomhlaba.
11 Ukumkani uza kuvuya ngenxa kaThixo.
Wonke umntu ofunga ngoThixo uza kuvuya,*
Kuba umlomo wabo bathetha ubuxoki uza kuvalwa.