Eyesibini YeziKronike
16 Ngonyaka we-36 wokulawula kuka-Asa, uKumkani uBhahasha+ wakwaSirayeli wenyuka wayokulwa noYuda, wakha* iRama,+ ukuze kungabikho mntu uphumayo okanye ungenayo kummandla kaKumkani uAsa wakwaYuda.+ 2 UAsa wakhupha isilivere negolide kubutyebi bendlu kaYehova+ nakubutyebi bendlu kakumkani, wazithumela kuKumkani uBhen-hadadi waseSiriya,+ owayehlala eDamasko, esithi: 3 “Kukho isivumelwano phakathi kwam nawe, naphakathi kotata wam notata wakho. Ndikuthumelela isilivere negolide. Yiza, uzokwaphula isivumelwano sakho noKumkani uBhahasha wakwaSirayeli, ukuze emke kum.”
4 UBhen-hadadi wammamela uKumkani uAsa waza wathumela iintloko zomkhosi wakhe ukuba ziye kuhlasela izixeko zakwaSirayeli, ibe zaxabela i-Iyon,+ iDan,+ iAbheli-mayim nabo bonke oovimba bezixeko zakwaNafetali.+ 5 Wathi nje akuyiva loo nto uBhahasha, wayeka ngoko nangoko ukwakha* iRama, wawushiya apho loo msebenzi. 6 UKumkani uAsa wathatha wonke uYuda, bathwala amatye namaplanga aseRama+ awayesakha ngawo uBhahasha,+ waza wakha ngawo* iGebha+ yakwaBhenjamin neMizpa.+
7 Ngelo xesha uHanani+ imboni weza kuKumkani uAsa wakwaYuda, wathi kuye: “Kuba uye wathembela* ngokumkani waseSiriya, awathembela* ngoYehova uThixo wakho, umkhosi kakumkani waseSiriya uphuncukile esandleni sakho.+ 8 Ngaba amaTiyopiya namaLibhiya ayengengomkhosi omkhulu kakhulu, oneenqwelo zokulwa ezininzi nabakhweli-mahashe abaninzi? Kodwa kuba waye wathembela ngoYehova, wawanikela esandleni sakho.+ 9 Kuba amehlo kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke+ ukuze abonise amandla akhe* ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.*+ Wenze ngobudenge kule into. Ukususela ngoku kuse phambili kuza kuliwa nawe iimfazwe.”+
10 UAsa wayicaphukela le mboni waza wayifaka ejele,* kuba waba nomsindo nyhani ngenxa yale nto. Kwangelo xesha, uAsa waqalisa ukuphatha abanye abantu kakubi. 11 Imbali ka-Asa, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni ibhalwe kwiNcwadi YooKumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.+
12 Kunyaka we-39 elawula, uAsa waba nesifo ezinyaweni de wagula kakhulu. Egula enjalo zange aye kuYehova, kodwa waya kubaphilisi. 13 Emva koko uAsa walaliswa kookhokho bakhe,+ wafa ngonyaka we-41 wokulawula kwakhe. 14 Bamngcwabela kwindawo ezukileyo yokungcwaba awazimbela yona kwisiXeko SikaDavide,+ yaye bambeka emandlalweni owawugalelwe ioli yebhalsam nezinto ezahlukahlukeneyo ezixutyiweyo ukuze kwenziwe isithambiso esikhethekileyo.+ Babasa nomlilo omkhulu ngokungaqhelekanga emngcwabeni wakhe.*