Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide. Ingoma.
65 Owu Thixo, ulindelwe yindumiso eZiyon;+
Siza kuzenza izinto esikuthembise zona.+
2 Owu wena umamela imithandazo, zonke iintlobo zabantu ziza kuza kuwe.+
3 Ziye zandoyisa izono zam,+
Kodwa wena, uyazogquma iziphoso zethu.+
4 Wonwabile umntu omkhethileyo waza wamsondeza
Ukuze ahlale eyadini yakho.+
Siza kwaneliswa zizinto ezilungileyo zendlu yakho,+
Itempile yakho engcwele.+
5 Uza kusiphendula ngezinto ezilungileyo ezimangalisayo,+
Owu Thixo osisindisayo;
UliThemba lomhlaba wonke+
Nelabo bahlala kude lee, phesheya kweelwandle.
6 Uyazizinzisa iintaba ngamandla akho;
Unamandla amakhulu.+
7 Uthomalalisa ulwandle olulwayo,+
Ukuntlitheka kwamaza nengxolo yeentlanga.+
8 Abemi beendawo ezisemagqagaleni baza kumangaliswa zizinto ozenzileyo;+
Uza kwenza abo basempumalanga nasentshonalanga bakhwaze bevuya.
9 Uyawukhathalela umhlaba,
Uwenza uchume, futhi utyebe.+
Umsinga ovela kuThixo ugcwele ngamanzi;
Ubalungiselela ukutya okuziinkozo,+
Kuba uwenze wanjalo umhlaba.
10 Ugcwalisa iifolo zawo ngamanzi, ulungise umhlaba ohlakuliweyo;
Uwenza uthambe ngemvula; usikelela nezityalo zawo.+
11 Unyaka uwuhombise ngezinto zakho ezilungileyo;
Iindlela zakho ziphuphuma ubutyebi.+
12 Amadlelo ahlala ephuphuma,+
Neenduli zambethe uvuyo.+
13 Kuyimihlambi nje emadlelweni,
Neentlambo zogqunywe kukutya okuziinkozo.+
Ziyakhwaza zicula kuba zoyisile.+