IiNdumiso
Ingoma emnandi kaDavide, esisikhumbuzo.
3 Wonke umzimba wam uyagula ngenxa yokucaphuka kwakho.
Akukho luxolo emathanjeni am ngenxa yesono sam.+
5 Izilonda zam zinuka phu, ziyachiza
Ngenxa yobudenge bam.
6 Ndineentlungu neenzingo;
Imini yonke ndihamba-hamba ndibuhlungu.
9 Owu Yehova, uzazi zonke izinto endizifunayo,
Uyakuva konke ukuncwina kwam.
11 Abahlobo bam bahambela kude kum ngenxa yesibetho sam,
Nabo ndibaqhelileyo bahambela kude.
12 Abo bazingela ubomi bam bandibekele imigibe;
Abo bafuna ukundenzakalisa bandenzela amayelenqe;+
Bathetha ubuxoki imini yonke.
13 Kodwa zange ndibamamele, oku komntu ongevayo;+
Ndaba ngathi andikwazi kuthetha, andawuvula umlomo wam.+
14 Ndaba njengomntu ongevayo,
Andakhupha nelimdaka ukuze ndizithethelele.
16 Kuba ndathi: “Mabangaze baqhayise ngam
Okanye bahlekise ngam xa unyawo lwam lutyibilika.”
20 Izinto ezilungileyo endazenzayo bazibuyekeza ngezimbi;
Bazama ukundiyekisa ukwenza izinto ezilungileyo.
21 Sukundishiya, Yehova.
Owu Thixo wam, sukuchasela kum.+