Hezekile
8 Ngonyaka wesithandathu, ngenyanga yesithandathu, ngomhla wesihlanu kuloo nyanga, xa ndandihleli endlini yam, abadala bakwaYuda behleli phambi kwam, isandla seNkosi enguMongami uYehova sandibamba apho. 2 Njengoko ndandibukele ndabona othile ongathi ngumlilo; kwakukho umlilo endaweni engathi sisinqe sakhe ukwehla,+ nokusuka esinqeni ukunyuka wayeqaqambile, njengomxube wegolide nesilivere.+ 3 Wolula into engathi sisandla waza wandithi nqaku ngesihlwitha seenwele zentloko yam, yaye umoya wandifunqula phakathi komhlaba namazulu, wandisa eYerusalem ngemibono kaThixo, wandisa kwigeyithi engaphakathi+ ejonge ngasemntla, apho kwakumi isithixo sekhwele esibangela ikhwele.*+ 4 Yaye jonga! ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli babulapho,+ njengalaa mntu ndandimbone kwithafa elisentlanjeni.+
5 Wathi kum: “Nyana womntu, khawuncede uphakamisele amehlo akho kwicala elingasemntla.” Ngoko ndawaphakamisela kwicala elingasemntla amehlo am, yaye xa ungena kwicala elingasemntla legeyithi yesibingelelo kwakukho esi sithixo sekhwele.* 6 Wathi kum: “Nyana womntu, uyazibona na ezi zinto zimbi nezenyanyekayo ezenziwa yindlu kaSirayeli apha,+ ezindenza ndiyishiye ingcwele yam?+ Kanti ke useza kubona ezenyanyeka nezimbi nangakumbi.”
7 Emva koko wandisa egeyithini yeyadi; xa ndijonga, ndabona umngxuma eludongeni. 8 Wathi kum: “Nyana womntu, khawuncede ugqobhoze eludongeni.” Ngoko ndagqobhoza eludongeni, ndaza ndabona igeyithi. 9 Wathi kum: “Ngena ubone izinto ezimbi nezenyanyekayo abazenzayo apha.” 10 Ndangena ke ndajonga, ndabona iintlobo ngeentlobo zemifanekiso yezinto ezirhubuluzayo neyezilwanyana ezicekisekayo,+ nazo zonke izithixo ezenyanyekayo* zendlu kaSirayeli;+ zazizotywe eludongeni macala onke. 11 Yaye abayi-70 kubadala bendlu kaSirayeli babemi phambi kwazo, noYahazaniya unyana kaShafan+ wayemi phakathi kwabo. Ngamnye wayephethe isitya sokutshisa isiqhumiso, kunyuka nelifu lesiqhumiso esiqholiweyo.+ 12 Wathi kum: “Nyana womntu, uyazibona na izinto abazenzayo abadala bendlu kaSirayeli ebumnyameni, ngamnye kumagumbi angaphakathi ezikuwo izithixo zakhe? Kuba bathi, ‘UYehova akasiboni. UYehova ulishiyile ilizwe.’”+
13 Waphinda wathi kum: “Useza kubona izinto ezenyanyeka nezimbi nangakumbi abazenzayo.” 14 Ngoko wandisa egeyithini engasemntla yendlu kaYehova, ndabona abafazi abahleli apho belilela uthixo uTamuzi.
15 Waza wathi kum: “Uyayibona na le nto nyana womntu? Useza kubona izinto ezenyanyeka nezimbi ngaphezu kwezi.”+ 16 Ngoko wandisa kwiyadi engaphakathi yendlu kaYehova.+ Apho egeyithini yetempile kaYehova, phakathi kweveranda nesibingelelo, kwakukho amadoda amalunga ne-25 awayefulathele itempile kaYehova, ejonge empuma; ayequbuda phambi kwelanga elisempuma.+
17 Wathi kum: “Nyana womntu, uyayibona na le nto? Yinto engenamsebenzi na kwindlu kaYuda ukwenza ezi zinto zenyanyekayo, ukuba bagcwalise ilizwe ngobundlobongela+ baze baqhubeke bendicaphukisa? Basondeza isebe* empumlweni yam. 18 Ngoko ndiza kubohlwaya ndinomsindo. Ilihlo lam alizukuba nalusizi, yaye andizukuba naluvelwano.+ Naxa bekhalela phezulu ezindlebeni zam, andizukubeva.”+