Hoseya
2 “Yithi kubazalwana bakho, ‘Bantu bam!’*+
Uze uthi koodadewenu, ‘Mfazi owenzelwe inceba!’*+
Ufanele ayeke ukuthengisa ngomzimba*
Nokukrexeza* okuphakathi kwamabele akhe,
3 Okanye ndiza kumhluba abe ze ndize ndimenze abe njengemini awazalwa ngayo,
Ndimthobe abe ngumhlaba ongenamanzi,
Ndize ndimbulale ngonxano.
5 Kuba umama wabo uye wathengisa ngomzimba.*+
Umama wabo wenze ihlazo,+ kuba uthe,
‘Ndiza kuya kwizithandwa zam,+
Ezindinika isonka namanzi,
Uboya nelinen, ioli nesiselo.’
6 Ngoko ke indlela yakhe ndiza kuyibeka isihlahla sameva;
Ndiza kumrhangqa ngodonga lwamatye,
Ukuze angakwazi ukuhamba ngeendlela zakhe.
Emva koko uza kuthi, ‘Ndiza kubuyela kwindoda yam yokuqala,
Kuba kwakubhetele ngokuya kunangoku.’+
8 Akaqondanga ukuba ndim owamnika iinkozo,+ iwayini entsha neoli,
Nokuba ndim owamnika isilivere eninzi,
Negolide, abaye bayisebenzisa kuBhahali.+
9 ‘Ndiza kubuya ke ndizokuthatha iinkozo zam ngexesha lazo
Newayini yam entsha ngexesha layo,+
Ndiboxuthe uboya bam nelinen yam yokogquma ubuze bakhe.
10 Ngoku ndiza kubutyhila ubuze bakhe ekuhleni, zijongile izithandwa zakhe,
Ibe akukho ndoda iza kumsindisa esandleni sam.+
11 Lonke uvuyo lwakhe ndiza kuluphelisa,
Amatheko akhe,+ ukuthwasa kweenyanga zakhe, iisabatha zakhe nawo onke amaxesha akhe amatheko.
12 Ndiza kuyitshabalalisa imithi yakhe yeediliya nemithi yakhe yamafiya,* athe ngayo:
“Zindibhatale ngayo izithandwa zam.”
Ndiza kuyijika ibe lihlathi,
Yaye iza kuqwengwa zizilwanyana zasendle.
13 Uza kundixelela ukuba kwakutheni ukuze abingelele kwimifanekiso kaBhahali,+
Xa wayezihombise ngeeringi nezihombo zakhe waza warhorhozela emva kwezithandwa zakhe,
Wandilibala mna,’+ utsho uYehova.
15 Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, ndiza kumnika amasimi akhe eediliya,+
Ndimnike neNtlambo YaseAkore*+ ibe yigeyithi yethemba.
Apho uza kundiphendula ngendlela awayendiphendula ngayo xa wayesemtsha,
Kanye njengemini awaphuma ngayo kwilizwe laseYiputa.+
16 Ngaloo mini,’ utsho uYehova,
‘Uza kundibiza ngokuthi myeni Wam, ibe uza kuyeka ukundibiza ngokuthi mnini Wam.’*
17 ‘Ndiza kuwasusa amagama emifanekiso kaBhahali emlonyeni wakhe,+
Yaye awazukukhunjulwa amagama ayo.+
18 Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+
Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+
Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+
Yaye ndiza kubakhusela.+
19 Ndiza kukungeja* ndimanyane nawe ngonaphakade,
Ndiza kukungeja* ngobulungisa nangokusesikweni,*
Ngothando olungagungqiyo nenceba.+
21 ‘Ngaloo mini ndiza kuphendula,’ utsho uYehova,
‘Ndiza kuwaphendula amazulu,
Yaye wona aza kuphendula umhlaba.+
22 Umhlaba uza kuphendula iinkozo, iwayini neoli;
Bona baza kuthi: “UnguThixo wam.”’”+