Eyokuqala YeziKronike
29 UKumkani uDavide wathi kulo lonke ibandla: “USolomon unyana wam, onyulwe nguThixo,+ usemncinci ibe akanamava*+ yaye umsebenzi mkhulu, kuba le ayotempile yamntu,* yekaYehova uThixo.+ 2 Ndenze konke okusemandleni am ndilungiselela indlu kaThixo wam, ndiqokelela igolide yokwenza izinto zegolide, isilivere yokwenza izinto zesilivere, ikopolo yokwenza izinto zekopolo, intsimbi yokwenza izinto zentsimbi,+ amaplanga+ okwenza izinto zamaplanga, amatye eanikis, amatye abekwa ngodaka, iingqalutye, zonke iindidi zamatye axabisekileyo, namatye amaninzi ealabhasta. 3 Ngaphezu koko, kuba ndiyithanda indlu yoThixo wam,+ ndinikela kuyo nangobutyebi bam+ begolide nesilivere, ukongeza kuko konke endikulungiselele indlu engcwele, 4 kunye neetalente* zegolide yaseOfire+ eziyi-3 000, iitalente zesilivere esulungekileyo eziyi-7 000 zokutyabeka iindonga zezindlu, 5 igolide yokwenza izinto zegolide, isilivere yokwenza izinto zesilivere nawo wonke umsebenzi oza kwenziwa ngabakhandi abangamachule. Ngubani ofuna ukuza ngaphambili namhlanje ephethe isipho aza kunikela ngaso kuYehova?”+
6 Ngoko iinkosana zezindlu zootata bazo, iinkosana zezizwe zakwaSirayeli, iintloko zamawaka nezamakhulu+ nabaphathi bemicimbi kakumkani,+ beza ngaphambili. 7 Banikela kumsebenzi wokwakha indlu kaThixo wokwenene: iitalente zegolide eziyi-5 000, iidarike* eziyi-10 000, iitalente zesilivere eziyi-10 000, iitalente zekopolo eziyi-18 000, neetalente zentsimbi eziyi-100 000. 8 Nabani na owayenamatye anqabileyo wanikela ngawo kubutyebi bendlu kaYehova, ibe ezo zinto zaziphantsi kukaYehiyele+ umGershon.+ 9 Abantu babevuya nyhani kuba benikele, kuba babenikele kuYehova ngentliziyo epheleleyo,+ noDavide ukumkani wavuya kakhulu.
10 Emva koko uDavide wadumisa uYehova phambi kwalo lonke ibandla. Wathi: “Mawudunyiswe ngonaphakade,* Yehova Thixo kaSirayeli utata wethu. 11 Owu Yehova, bobakho ubukhulu,+ amandla,+ ubuhle, ukubalasela nobungangamsha,*+ kuba yonke into esemazulwini nesemhlabeni yeyakho.+ Yehova, bobakho ubukumkani.+ Wena uyaziphakamisa njengentloko yezinto zonke. 12 Ubutyebi nozuko busuka kuwe,+ ulawula yonke into,+ yaye amandla+ nokomelela+ kusesandleni sakho, isandla sakho siyakwazi ukwenza nabani na abe mkhulu+ nokuzinika amandla zonke izinto.+ 13 Ngoku ke, Thixo wethu, siyakubulela, silidumisa igama lakho elihle.
14 “Xa ndingubani mna, bengoobani bona abantu bam, ukuba singade sikwazi ukunikela iminikelo elolu hlobo? Kuba yonke into ivela kuwe yaye sikunike oko kuvela esandleni sakho. 15 Kuba singabantu basemzini nabafiki phambi kwakho, kanye njengookhokho bethu.+ Imihla yethu emhlabeni injengesithunzi,+ yaye ayithembisi. 16 Owu Yehova Thixo wethu, bonke obu butyebi esiye sabuqokelela ukuze silakhele indlu igama lakho elingcwele buvela esandleni sakho, yaye bonke bobakho. 17 Ndazi kakuhle Thixo wam, ukuba uyayihlolisisa intliziyo,+ nokuba uvuyiswa kukubona umntu eqhubeka esenza izinto ezilungileyo.*+ Ezi zinto ndizinikele ngokusuka emazantsi entliziyo* yam kwaye kuyandivuyisa ukubona abantu bakho abalapha benikela kuwe. 18 Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, noSirayeli, ookhokho bethu, zigcine ngonaphakade ezintliziyweni nakwiingcinga zabantu bakho ezi zinto, uze uzalathisele kuwe iintliziyo zabo.+ 19 Nika uSolomon unyana wam intliziyo epheleleyo,*+ ukuze ayigcine imiyalelo yakho,+ izikhumbuzo zakho nemithetho yakho, nokuze enze zonke ezi zinto, aze akhe itempile* ngezinto endizilungiseleleyo.”+
20 Emva koko uDavide wathetha nebandla lonke wathi: “Mdumiseni uYehova uThixo wenu.” Lonke ibandla lamdumisa uYehova uThixo wookhokho balo, laqubuda kuYehova nakukumkani. 21 Baqhubeka bebingelela kuYehova, benikela iminikelo etshiswayo+ kuYehova ngosuku olulandelayo, iinkunzi zamathole eenkomo eziyi-1 000, iinkunzi zeegusha eziyi-1 000, iinkunzi zamatakane eegusha eziyi-1 000 neminikelo yabo eselwayo.+ Banikela iminikelo emininzi ngenxa kaSirayeli wonke.+ 22 Ngaloo mini baqhubeka besitya, besela phambi koYehova bevuya kakhulu,+ baphinda bambeka okwesibini uSolomon unyana kaDavide wangukumkani waza wakhethwa phambi koYehova ukuba abe yinkokheli+ noTsadoki abe ngumbingeleli.+ 23 USolomon wahlala etroneni kaYehova+ engukumkani esikhundleni sikaDavide utata wakhe, ibe izinto zamhambela kakuhle, yaye onke amaSirayeli ayemthobela. 24 Zonke iinkosana,+ amakroti,+ nabo bonke oonyana bakaKumkani uDavide,+ bazithoba kuSolomon ukumkani. 25 UYehova wamenza mkhulu kakhulu uSolomon phambi koSirayeli wonke, wamnika ubungangamsha basebukhosini obodlula bonke ookumkani ababengaphambi kwakhe kwaSirayeli.+
26 UDavide unyana kaYese, walawula uSirayeli wonke, 27 ibe iyonke iminyaka* awalawula ngayo kwaSirayeli yaba yiminyaka eyi-40. EHebron walawula iminyaka eyi-7,+ waza eYerusalem walawula iminyaka eyi-33.+ 28 Wafa ebudaleni, anelisekile bubomi obude,*+ bubutyebi nozuko, yaye uSolomon unyana wakhe walawula endaweni yakhe.+ 29 Imbali kaKumkani uDavide, ukusuka nokuhlala kwayo, ibhaliwe kumazwi kaSamuweli imboni, kaNatan+ umprofeti nakaGadi+ imboni, 30 kunye nayo yonke imbali yobukumkani bakhe, amandla akhe, nembali yeziganeko zobomi bakhe, uSirayeli, nazo zonke izizwe ezazikufutshane naye.