Eyesibini YeziKronike
34 UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-31 eYerusalem.+ 2 Wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova, wahamba ngazo zonke iindlela zikaDavide ukhokho wakhe, yaye akazange aphume endleleni aye ngasekunene okanye ngasekhohlo.
3 Ngonyaka we-8 wolawulo lwakhe, ngoxa wayeseyinkwenkwana, waqalisa ukufuna uThixo kaDavide ukhokho wakhe,+ yaye ngonyaka we-12 waqalisa ukucoca uYuda neYerusalem,+ esusa iindawo eziphakamileyo,+ iipali ezingcwele,* imifanekiso eqingqiweyo+ nemifanekiso yesinyithi. 4 Badiliza nezibingelelo zikaBhahali phambi kwakhe, yaye waziqhekeza neendawo zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo ezaziphezu kwazo. Waqhekeza neepali ezingcwele,* imifanekiso eqingqiweyo nemifanekiso yesinyithi, wayicola yangumgubo, wawusasaza phezu kwamangcwaba abo babekade bebingelela kuyo.+ 5 Yaye wawatshisa amathambo ababingeleli kwizibingelelo zabo.+ Ngaloo ndlela wamcoca uYuda neYerusalem.
6 Kwizixeko zakwaManase, zakwaEfrayim+ nezakwaSimeyon ukuyokutsho kwaNafetali, kumabhodlo azo awayekufutshane, 7 wadiliza izibingelelo, iipali ezingcwele* nemifanekiso eqingqiweyo,+ wazicola zaba ngumgubo, waqhekeza zonke iindawo zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo kulo lonke ilizwe lakwaSirayeli,+ emva koko wabuyela eYerusalem.
8 Ngonyaka we-18 wolawulo lwakhe, xa wayesele elicocile ilizwe netempile,* wathumela uShafan+ unyana ka-Atsaliya, uMahaseya umphathi wesixeko noYowa unyana kaYowahazi owayegcina ingxelo, ukuba bayokulungisa indlu kaYehova uThixo wakhe.+ 9 Baya kuHilekiya umbingeleli omkhulu, bamnika imali eyayiziswe endlini kaThixo, eyayiqokelelwe ngabaLevi abangoonogada basemnyango kuManase, kuEfrayim, kuSirayeli wonke+ nakuYuda, kuBhenjamin nakubemi baseYerusalem. 10 Bayinika abo babebekwe ukuba bajongane nomsebenzi wendlu kaYehova. Bona abo benza umsebenzi endlini kaYehova bayisebenzisela ukulungisa nokuhlaziya indlu. 11 Bayinika abakhandi abangamachule nabakhi ukuze bathenge amatye aqingqiweyo namaplanga okuxhasa nokuze bazifake imiqadi izindlu abaziyeka zonakala ookumkani bakwaYuda.+
12 La madoda asebenza ngokuthembeka.+ Ayephethwe ngabaLevi, uYahati no-Obhadiya, amaMerari,+ noZekariya noMeshulam, amaKohati.+ Yaye abaLevi, bonke ababeziincutshe zomculo,+ 13 babephethe abasebenzi abaqhelekileyo,* kunye nabo benza nawuphi na omnye umsebenzi. Abanye abaLevi babengoonobhala, amagosa noonogada basegeyithini.+
14 Bathi besakhupha imali eyayiziswe endlini kaYehova,+ uHilekiya umbingeleli wabhaqa incwadi yoMthetho kaYehova+ eyayidluliselwe ngoMoses.*+ 15 UHilekiya wathi kuShafan unobhala: “Ndiyifumene incwadi yoMthetho endlini kaYehova.” UHilekiya wayinika uShafan. 16 UShafan wayisa kukumkani le ncwadi, wathi kuye: “Izicaka zakho ziyayenza yonke into ekuthiwe maziyenze. 17 Ziyikhuphile imali ebifunyenwe endlini kaYehova, zayinika amadoda amiselweyo nabo basebenzayo.” 18 UShafan unobhala wathi kukumkani: “Kukho incwadi endiyinikwe nguHilekiya umbingeleli.”+ Emva koko uShafan wayifunda phambi kokumkani.+
19 Wathi ukumkani akuva amazwi oMthetho, wazikrazula iimpahla zakhe.+ 20 Emva koko ukumkani wayalela la mazwi kuHilekiya, uAhikam+ unyana kaShafan, uAbhedon unyana kaMika, uShafan unobhala noAsaya isicaka sikakumkani: 21 “Hambani, niyokubuza kuYehova ngamazwi ale ncwadi ifunyenweyo, nibuzele mna, abo basashiyekileyo kwaSirayeli noYuda wonke, kuba mkhulu gqitha umsindo kaYehova oza kukhutshelwa kuthi ngenxa yokuba ookhokho bethu abazange bakwenze oko kuthethwa lilizwi likaYehova ngokuthobela yonke into ebhalwe kule ncwadi.”+
22 UHilekiya kunye nabo babethunywe ngukumkani baya kuHulida umprofetikazi.+ Wayengumfazi kaShalum unyana kaTikiva unyana kaHarehasi, owayenomsebenzi wokuhoya iimpahla. Yena wayehlala kwiNgingqi Yesibini yaseYerusalem ibe bathetha naye apho.+ 23 UHulida wathi kubo: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Yithini kule ndoda inithume kum: 24 “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuyizisela intlekele le ndawo nabantu bayo,+ ndizizise zonke iziqalekiso ezibhalwe kule ncwadi+ ifundwe phambi kokumkani wakwaYuda. 25 Ngenxa yokuba beye bandilahla+ baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo ukuze bandicaphukise+ ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo, ndiza kuwukhuphela kule ndawo umsindo wam, ibe awuzukwehla.’”+ 26 Ze nithi kukumkani wakwaYuda onithume ukuba niyokubuza kuYehova, “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Ngokubhekisele kumazwi owevileyo,+ 27 kuba intliziyo yakho ibihlabekile,* wazithoba phambi kukaThixo emva kokuba uve amazwi akhe ngale ndawo nabantu bayo, wazithoba phambi kwam waza wakrazula iimpahla zakho walila phambi kwam, nam ndikuvile,+ utsho uYehova. 28 Yiloo nto ke ndiza kukuhlanganisela kookhokho bakho,* uze ubekwe engcwabeni lakho ngoxolo. Amehlo akho awazukuyibona yonke le ntlekele ndiza kuyizisa kule ndawo nakubantu bayo.’”’”+
Bayizisa le mpendulo kukumkani. 29 Ukumkani wathumela ukuba kubizwe bonke abadala bakwaYuda nabaseYerusalem.+ 30 Emva koko, ukumkani wenyuka waya endlini kaYehova kunye nawo onke amadoda akwaYuda, abantu baseYerusalem, ababingeleli, abaLevi, bonke abantu, omncinci nomkhulu. Wabafundela incwadi yesivumelwano eyayifunyenwe endlini kaYehova.+ 31 Ukumkani wema endaweni yakhe waza wenza isivumelwano*+ phambi koYehova, sokuba uza kulandela uYehova aze athobele imiyalelo yakhe, izikhumbuzo zakhe nemithetho yakhe ngentliziyo yonke nangomphefumlo* wonke+ ngokuthobela onke amazwi esi sivumelwano awayebhalwe kule ncwadi.+ 32 Wathi bonke abantu ababeseYerusalem nakwaBhenjamin mabanamathele kuso. Yaye abantu baseYerusalem benza ngokwesivumelwano sikaThixo, uThixo wookhokho babo.+ 33 Emva koko uYosiya wazisusa zonke izinto* ezenyanyekayo kuwo onke amazwe amaSirayeli,+ yaye wabangela ukuba bonke abantu kwaSirayeli bakhonze uYehova uThixo wabo. Abazange baphambuke ekulandeleni uYehova uThixo wookhokho babo ubomi bakhe bonke.*