Numeri
6 UYehova waqhubeka ethetha noMoses, esithi: 2 “Thetha namaSirayeli uthi, ‘Ukuba indoda okanye umfazi wenza isifungo esikhethekileyo sokuba ngumNaziri*+ kaYehova, 3 ufanele acezele kude kwiwayini nasetywaleni. Ufanele angayiseli iviniga eyenziwe ngewayini okanye iviniga eyenziwe ngobunye utywala.+ Umele angasiseli nasiphi na isiselo esenziwe ngeediliya, angazityi kwaezo diliya, nokuba zisandula ukukhiwa okanye zezomisiweyo. 4 Yonke imihla yobuNaziri bakhe ufanele angatyi nantoni na eyenziwe ngeediliya, nokuba ziidiliya ezingekavuthwa, nokuba ngamaxolo.
5 “‘Loo mntu akamele ayichebe intloko yakhe, lonke ixesha engumNaziri.+ Ufanele ahlale engcwele ngokuthi aziyeke iinwele zentloko yakhe zikhule de liphele ixesha lokuzinikela kwakhe kuYehova. 6 Umele angasondeli kumntu* ofileyo ngalo lonke ixesha anikelwe ngalo kuYehova. 7 Nokuba kunokufa utata wakhe okanye umama wakhe okanye umntakwabo okanye udadewabo, makangazingcolisi,+ kuba uphawu lokuba ngumNaziri kwakhe kuThixo wakhe lusentlokweni yakhe.
8 “‘Loo mntu ungcwele kuYehova yonke imihla engumNaziri. 9 Kodwa ukuba kwenzekile kwafa umntu ngequbuliso ecaleni kwakhe+ aze azingcolise iinwele zakhe ezibonisa ukuba unikelwe kuThixo,* ufanele ayichebe intloko yakhe+ ngemini azicoca ngayo. Ufanele ayichebe ngosuku lwesixhenxe. 10 Ngosuku lwesibhozo ufanele azise kumbingeleli amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo, kumnyango wentente yokuhlangana. 11 Umbingeleli uza kulithatha elinye ihobe alilungiselele ukuba libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo, aze amhlawulele loo mntu ngesono sakhe+ asenze ngenxa yomntu* ofileyo. Emva koko uya kuyingcwalisa intloko yakhe ngolo suku. 12 Umele aphinde azinikele kuYehova ukuze abe ngumNaziri, aze azise itakane legusha eliyinkunzi elinonyaka, libe ngumnikelo wetyala. Kodwa alizukubalwa ixesha eligqithileyo ebengumNaziri ngalo kuba uye wabungcolisa.
13 “‘Nanku umthetho womNaziri: Xa ezigqiba iintsuku zokuba ngumNaziri,+ uza kuziswa kumnyango wentente yokuhlangana. 14 Apho umele asondeze umnikelo wakhe kuYehova: itakane legusha eliyinkunzi eliphilileyo elinonyaka eliza kuba ngumnikelo otshiswayo,+ ithokazi legusha eliphilileyo elinonyaka eliza kuba ngumnikelo wesono,+ inkunzi yegusha ephilileyo eza kuba ngumbingelelo wobuhlobo,+ 15 ibhaskithi yezonka ezirawundi ezingenagwele, ezenziwe ngomgubo ocoliweyo oneoli, izonka ezisicaba ezingenagwele eziqatywe ioli, neminikelo ehamba nezo zinto, umnikelo wokutya+ nomnikelo oselwayo.+ 16 Umbingeleli uza kuyisondeza phambi koYehova, yaye uza kunikela umnikelo wakhe wesono nomnikelo wakhe otshiswayo. 17 Umbingeleli uza kunikela ngenkunzi yegusha nangezonka ezingenagwele ezikwibhaskithi, zibe ngumbingelelo wobuhlobo kuYehova, yaye uza kunikela ngomnikelo wokutya+ nangomnikelo oselwayo.
18 “‘Loo mNaziri uza kuyicheba intloko yakhe+ apho ngakumnyango wentente yokuhlangana. Uza kuzithatha iinwele zakhe ezikhule ngoxa ebengumNaziri, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo wobuhlobo. 19 Umbingeleli umele athathe umkhono obilisiweyo+ wala nkunzi yegusha nesa sonka sirawundi singenagwele sisebhaskithini, nesa sonka sisicaba singenagwele, azibeke ezandleni zomNaziri, emva kokuba eluchebile uphawu lokuba ngumNaziri kwakhe. 20 Yaye umbingeleli umele azitshangatshangise ezo zinto ukuze zibe ngumnikelo otshangatshangiswayo phambi koYehova.+ Loo mnikelo uyinto engcwele yombingeleli, kunye nesifuba* nomlenze womnikelo.+ Emva koko umNaziri uvumelekile ukuba angayisela iwayini.
21 “‘Nanku umthetho womNaziri+ owenza isifungo: ukuba uyafunga ukunikela kuYehova iminikelo engaphezu kwaleyo ifunwayo kumntu ongumNaziri, kuba enako, makanikele ngokwesifungo sakhe nangokomthetho olawula ukuba ngumNaziri kwakhe.’”
22 Emva koko uYehova wathi kuMoses: 23 “Xelela uAron noonyana bakhe le nto, ‘Nantsi indlela enifanele nibasikelele ngayo+ abantu bakwaSirayeli. Yithini kubo:
24 “Kwanga uYehova angakusikelela+ aze akukhusele.
25 Kwanga uYehova angabukhanyisa kuwe ubuso bakhe,+ yaye kwanga angavuyiswa nguwe.
26 Kwanga uYehova angabuphakamisa ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.”’+
27 Yaye igama lam bamele balibeke kubantu bakwaSirayeli+ ukuze ndibasikelele.”+