116 Ndiyamthanda uYehova
Kuba uyaliva ilizwi lam, xa ndikhalela uncedo.+
2 Kuba uyithobele kum indlebe yakhe,+
Ibe ndiza kukhalela kuye ubomi bam bonke.
3 Iintambo ezibulalayo zandirhintyela;
Ingcwaba lalindibambe nkqi.+
Ndandityhafiswe ziingxaki nayintlungu.+
4 Kodwa ndabiza egameni likaYehova, ndathi:+
“Owu yhini Yehova, ndisindise!”
5 UYehova uyabavela abantu yaye ulilungisa;+
UThixo wethu unenceba.+
6 UYehova ubahoyile abo bangenamava.+
Ndandilihlwempu, wandisindisa.
7 Mawuphinde uphumle umphefumlo wam,
Kuba uYehova undenzele ububele.
8 Wena undisindise ekufeni,
Wasindisa ilihlo lam ezinyembezini, nonyawo lwam ekukhubekeni.+
9 Ndiza kuhamba phambi koYehova kwilizwe labaphilayo.
10 Ndandinokholo, ngoko ndathetha;+
Ndandisentlungwini engathethekiyo.
11 Ndoyika, ndaza ndathi:
“Wonke umntu ulixoki.”+
12 Ndiza kumbuyekeza ngantoni uYehova
Ngazo zonke izinto ezintle andenzele zona?
13 Ndiza kuthatha indebe yosindiso,
Ndibize egameni likaYehova.
14 Ndiza kuzenza izinto endizifunge kuYehova
Phambi kwabo bonke abantu bakhe.+
15 Kubi emehlweni kaYehova
Ukufa kwabantu bakhe abathembekileyo.+
16 Owu yini Yehova,
Ndingumkhonzi wakho.
Ndingumkhonzi wakho, unyana wekhobokazana lakho.
Undikhulule ekubotshweni kwam.+
17 Ndiza kunikela kuwe umbingelelo wokubulela;+
Ndiza kubiza egameni likaYehova.
18 Ndiza kuzenza izinto endizifunge kuYehova+
Phambi kwabo bonke abantu bakhe,+
19 Kwiiyadi zendlu kaYehova,+
Phakathi kwakho, Yerusalem.
Dumisani uYa!+