35 UElihu waqhubeka ephendula esithi:
2 “Ucinga ukuba umsulwa kangangokuba ude uthi,
‘Ndililungisa ngaphezu koThixo’?+
3 Kuba uthi, ‘Ukuhoye ngantoni ukuba lilungisa kwam?
Kundincede ngantoni ukungoni?’+
4 Ndiza kukuphendula,
Wena nabahlobo bakho.+
5 Jonga phezulu ezulwini uze ubone,
Ubukele amafu+ akude lee kuwe.
6 Ukuba uyona, imenza ntoni loo nto?+
Ukuba wenza izono ezininzi, kumenza ntoni oko?+
7 Ukuba ulilungisa, uza kube umnike ntoni?
Yintoni ayifumanayo kuwe?+
8 Ububi obenzayo buchaphazela omnye umntu kuphela,
Nobulungisa bakho bunceda oonyana babantu.
9 Abantu bayakhala xa becinezelwa;
Bakhalela ukuncedwa kuba becinezelwa ngabantu abanegunya.+
10 Kodwa akukho mntu uthi, ‘Uphi uThixo, uMdali wam Ozukileyo,+
Lowo ubangela ukuba kuculwe iingoma ebusuku?’+
11 Usinika ulwazi+ ngaphezu kwezilwanyana zomhlaba;+
Usenza silumke ngaphezu kweentaka zezulu.
12 Abantu bayakhala, kodwa akabaphenduli,+
Kuba bangabenzi-bubi abanekratshi.+
13 Ngokuqinisekileyo uThixo akasimameli isikhalo sabantu abazenzisayo;+
USomandla akasihoyi nokusihoya.
14 Kubeke phi ke xa ukhalaza usithi akakuncedi!+
Usivile isimangalo sakho, ngoko ke lindela kuye.+
15 Kuba akakuphendulisanga enomsindo,
Engakhange akuhoye nokuthetha kwakho ungacinganga.+
16 UYobhi uwuvula nje umlomo;
Uthetha kakhulu engenalwazi.”+