Yeremiya
4 “Ukuba uza kubuya, Owu Sirayeli,” utsho uYehova,
“Ukuba uza kubuyela kum
Yaye ukuba uza kuzisusa izithixo zakho ezenyanyekayo phambi kwam,
Uza kutsho ungabi yimbacu.+
2 Yaye ukuba uyafunga usithi,
‘Ephila nje uYehova!’ ngenyaniso, ngokusesikweni* nangobulungisa,
Iintlanga ziza kutsho zizifumanele intsikelelo ngaye,
Zize ziqhayise ngaye.”+
3 Kuba uthi uYehova kumadoda akwaYuda nakwiYerusalem:
“Zilimeleni umhlaba olimekayo,
Ningaqhubeki nityala phakathi kwameva.+
4 Zoluseleni kuYehova,
Nize nisuse amajwabi eentliziyo zenu,+
Nina madoda akwaYuda nabemi baseYerusalem,
Ukuze umsindo wam ungavuthi njengomlilo
Uvuthe kungekho mntu unokuwucima,
Ngenxa yezinto ezimbi enizenzayo.”+
5 Thethani kwaYuda, nivakalise naseYerusalem.
Khwazani nivuthele uphondo kulo lonke ilizwe.+
Khwazani kakhulu nithi: “Qokelelanani,
Masingene ezixekweni ezikhuselekileyo.+
6 Phakamisani uphawu ngaseZiyon.
Khangelani ikhusi yaye ningami ngxi,”
Kuba ndizisa intlekele ivela ngasemntla,+ ukuntlitheka okukhulu.
Uphumile endaweni yakhe ukuze enze ilizwe lakho libe yinto eyoyikekayo.
Izixeko zakho ziza kwenziwa amabhodlo, zingabi nabemi.+
8 Ngoko ke, bhinqani amalaphu okwenza ingxowa.+
Zilani* nize nikhale isijwili,
Kuba umsindo omkhulu kaYehova awumkanga kuthi.
9 “Ngaloo mini,” utsho uYehova, “ukumkani uza kuphelelwa sisibindi,*+
Neenkosana ziza kuphelelwa sisibindi;*
Ababingeleli baza koyika, nabaprofeti baza kumangala.”+
10 Ndaza ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Eneneni usikhohlise ngokupheleleyo esi sizwana+ neYerusalem, usithi, ‘Niza kuba noxolo,’+ ngoxa ikrele lisezintanyeni zethu.”
11 Ngelo xesha kuza kuthiwa kwesi sizwana nakwiYerusalem:
“Umoya olulophu osuka kwiinduli ezomileyo zasentlango
Uza kuyitshayela intombi* yabantu bam;
Awuzanga kususa umququ okanye kucoca.
12 Umoya ovuthuza ngamandla uvela kwezi ndawo ngokomyalelo wam.
Ngoku ndiza kuyichaza indlela endiza kubagweba ngayo.
Amahashe akhe anamendu ngakumbi kuneenkozi.+
Sisengxakini, kuba sonakalisiwe!
14 Yihlambe icoceke ebubini intliziyo yakho, yhini Yerusalem, ukuze usindiswe.+
Kuya kude kube nini na uneengcinga ezimbi?
15 Kuba ilizwi lichaza iindaba ezivela kwaDan,+
Yaye livakalisa intlekele evela kwiintaba zakwaEfrayim.
16 Yichazeni le nto, ewe, ezintlangeni.
Yivakaliseni eYerusalem.”
“Oonogada* bavela kwilizwe elikude,
Yaye baza kuliphakamisa ilizwi labo befuna ukulwa nezixeko zakwaYuda.
18 “Indlela yakho nezenzo zakho ziza kubuyiselwa kuwe.+
Ikrakra nyhani intlekele yakho,
Kuba ifikelela ngqo entliziyweni yakho!”
19 Owu intlungu endikuyo,* intlungu endikuyo!
Intliziyo yam ibuhlungu kakhulu.
Ibetha ngamandla.
20 Kuziswe ingxelo yentlekele emva kwentlekele,
Kuba ilizwe lonke litshatyalalisiwe.
Ngequbuliso iintente zam zitshatyalalisiwe,
Namalaphu eentente zam ngephanyazo.+
Bangoonyana abazizibhanxa, abangaqondiyo.
Bakrelekrele* xa kusenziwa ububi,
Kodwa abakwazi ukwenza okulungileyo.”
23 Ndalibona ilizwe, yaye jonga! lalingenanto yaye liyinkangala.+
Ndajonga emazulwini, yaye kwakungasekho ukukhanya kwawo.+
Oku kwakungenxa kaYehova,
Ngenxa yokuvutha komsindo wakhe.
27 Kuba uYehova uthi: “Ilizwe lilonke alizukuba nabantu,+
Kodwa andizukulitshabalalisa ngokupheleleyo.
Le nto iza kwenzeka kuba ndithethile, ndenze isigqibo,
Bangena ematyholweni,
Yaye bazimela ematyeni.+
Zonke izixeko zishiyiwe,
Yaye akukho mntu uhlala kuzo.”
30 Uza kuthini ngoku njengokuba wonakalisiwe?
Wawudla ngokwambatha ezibomvu,
Unxiba izihombo zegolide,
Wawudla ngokuwenza makhulu amehlo akho ngokuwaqaba into emnyama.
31 Kuba ndive ilizwi elinjengelomfazi ogulayo,
Intlungu enjengeyomfazi ozala umntwana wokuqala,
Ilizwi lentombi yaseZiyon emana iphefumla nzima.
Yolula izandla zayo isithi:+
“Ndisengxakini, kuba ndidiniwe ngababulali!”