Yeremiya
22 Uthi uYehova: “Yihla uye endlini kakumkani wakwaYuda, umxelele lo myalezo. 2 Uze uthi, ‘Live ilizwi likaYehova, kumkani wakwaYuda ohlala etroneni kaDavide, wena nezicaka zakho nabantu bakho, abo bangena ngezi geyithi. 3 Uthi uYehova: “Yenzani okusesikweni* nobulungisa. Msindiseni oqhathwa ngumntu onamaqhinga. Ningamphathi kakubi umntu wasemzini, ningamenzakalisi umntwana ongenatata* okanye umhlolokazi.+ Ningachithi igazi elimsulwa kule ndawo.+ 4 Kuba ukuba niye naqinisekisa ukuba niyawuthobela lo myalelo, ookumkani abahlala etroneni kaDavide+ baza kutsho bangene ngeegeyithi zale ndlu, bekhwele iinqwelo namahashe, bona nezicaka zabo nabantu babo.”’+
5 “‘Kodwa ukuba aniwathobeli la mazwi, ndifunga ngam ngenkqu,’ utsho uYehova, ‘ukuba le ndlu iza kutshabalala.’+
Kodwa ndiza kukwenza ube yintlango;
Akukho nasinye kwizixeko zakho esiza kuba nabemi.+
Baza kugawula eyona mithi yomsedare yakho mihle
Baze bayiwisele emlilweni.+
8 “‘Neentlanga ezininzi ziza kudlula ngakwesi sixeko zize zibuzane: “Kwakutheni ukuze uYehova enze le nto kwesi sixeko sikhulu kangaka?”+ 9 Yaye ziza kuthi: “Kungenxa yokuba sasishiya isivumelwano sikaYehova uThixo waso saza saqubuda kwabanye oothixo, sabakhonza.”’+
10 Sanukumlilela ofileyo,
Ningavelani naye.
Kunoko, mkhaleleni kakhulu omkayo,
Kuba akaphindi abuyele kwilizwe awazalelwa kulo ukuze alibone.
11 “Kuba uthi uYehova ngoShalum*+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda olawula esikhundleni sikaYosiya+ utata wakhe nophume kule ndawo: ‘Soze aphinde abuyele apho. 12 Kuba uza kufela kwindawo abamthimbele kuyo, yaye akaphindi alibone eli lizwe.’+
13 Uza kuthi shu umntu ongayakhi ngobulungisa indlu yakhe,
Ongawakhi ngokusesikweni* amagumbi akhe aphezulu,
Owenza enye indoda imsebenzele ingafumani nto,
Ongavumiyo ukuyinika umvuzo wayo;+
14 Othi, ‘Ndiza kuzakhela indlu enkulu
Enamagumbi aphezulu amakhulu.
Ndiza kuyifakela iifestile,
Ndiyifulele ngemithi yomsedare ndize ndiyipeyinte bomvu.’
15 Uza kuqhubeka ulawula na kuba uwusebenzisa bhetele kunabanye umthi womsedare?
16 Wasigweba isimangalo sosizana nehlwempu,
Yaye yonke into yahamba kakuhle.
‘Akuthethi loo nto na ukundazi?’ utsho uYehova.
17 ‘Kodwa wena amehlo akho nentliziyo yakho ajonge kwinzuzo yamaqhinga,
Ekuchitheni igazi elimsulwa,
Ekuqhatheni nasekoxutheni izinto zabantu.’
18 “Ngoko uthi uYehova ngoYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda,
‘Abazukumenzela sijwili ngokuthi:
“Owu, mntakwethu! Owu, dadewethu!”
Abazukumzilela ngokuthi:
“Owu, nkosi! Owu, kumkani!”
19 Uza kungcwatywa ngathi kungcwatywa idonki,+
Arhuqwe aze alahlwe
Ngaphandle kweegeyithi zaseYerusalem.’+
20 Nyuka uye eLebhanon uze ukhwaze,
Khwaza useBhashan.
Uze ukhwaze useAbharim,+
Kuba zonke izithandwa zakho zitshatyalalisiwe.+
21 Ndathetha nawe xa wawuziva ukhuselekile.
Kodwa wathi, ‘Andizukuthobela.’+
Ubusenza loo nto kwasebutsheni bakho,
Kuba awulithobelanga ilizwi lam.+
Uza kutsho uhlazeke uze uzive uthotyiwe ngenxa yentlekele yakho yonke.
23 Owu wena uhlala eLebhanon,+
Ohleli phakathi kwemithi yomsedare,+
Uza kuncwina nyhani xa ufikelwa yinimba,
24 “UYehova uthi, ‘Ndiphila nje, kwanokuba uKoniya*+ unyana kaYehoyakim,+ ukumkani wakwaYuda, ebeyiringi yokubeka isitampu esandleni sam sasekunene, bendiza kukutsala ndikukhuphe apho! 25 Ndiza kukunikela kwabo bafuna ubomi bakho, kwabo uboyikayo, kuNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni nakumaKhaledi.+ 26 Ndiza kuphosa wena nomama wakho owakuzalayo kwilizwe eningazange nizalelwe kulo, nifele apho. 27 Ibe abazukuphinda babuyele kwilizwe abalifunayo.+
28 Ngaba le ndoda inguKoniya yimbiza nje edelekileyo neyophukileyo,
Isitya esingafunwa mntu?
Kutheni yena nenzala yakhe bephoswa phantsi
Baze balahlelwe kwilizwe abangalaziyo?’+
29 Owu mhlaba,* mhlaba, mhlaba, live ilizwi likaYehova.
30 Uthi uYehova:
‘Bhalani phantsi ukuba le ndoda ayinabantwana,
Ayizukuphumelela ubomi bayo bonke,
Kuba akukho namnye kwinzala yayo oza kuphumelela
Ekuhlaleni kwitrone kaDavide nasekulawuleni kwaYuda.’”+