Yeremiya
1 La ngamazwi kaYeremiya* unyana kaHilekiya, omnye wababingeleli baseAnatoti+ kwilizwe lakwaBhenjamin. 2 Ilizwi likaYehova lafika kuye ngemihla kaYosiya+ unyana ka-Amon,+ ukumkani wakwaYuda, ngonyaka we-13 wokulawula kwakhe. 3 Lafika nangemihla kaYehoyakim+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda, de kwasekupheleni konyaka we-11 kaZedekiya+ unyana kaYosiya ukumkani wakwaYuda. Laqhubeka lifika de kwathinjwa iYerusalem ngenyanga yesihlanu.+
4 Ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi:
5 “Ndakwazi* ngaphambi kokuba ndikubumbe esiswini,+
Ndakukhethela ukwenza umsebenzi ongcwele ngaphambi kokuba uzalwe.*+
Ndakwenza umprofeti ezintlangeni.”
6 Kodwa ndathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova!
Andikwazi kuthetha,+ kuba ndiyinkwenkwe nje.”*+
7 UYehova wathi kum:
“Sukuthi, ‘Ndiyinkwenkwe nje.’
Kuba umele uye kubo bonke abantu endikuthuma kubo,
Uthethe yonke into endikuyalela yona.+
9 Emva koko, uYehova wolula isandla sakhe wachukumisa umlomo wam.+ UYehova waphinda wathi: “Amazwi am ndiwabeke emlonyeni wakho.+ 10 Uyabona, ndikunika igunya namhlanje lokuba ube phezu kweentlanga naphezu kwezizwe, ukuba uncothule yaye udilize, utshabalalise yaye uchithe, wakhe yaye utyale.”+
11 Laphinda lafika kum ilizwi likaYehova lisithi: “Ubona ntoni Yeremiya?” Mna ndathi: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”*
12 UYehova wathi kum: “Ubone kakuhle, kuba ndihlala ndithe qwa ukuze ndiyenze into endiyithethileyo.”
13 Ilizwi likaYehova lafika okwesibini kum lisithi: “Ubona ntoni?” Mna ndathi: “Ndibona imbiza* ebilayo* esemlilweni, ibe umlomo wayo ufulathele elasemntla.” 14 UYehova wathi kum:
“Intlekele iza kuphuma emntla
Ize kubo bonke abemi belizwe.+
15 ‘Kuba ndibiza zonke iintsapho zezizwe zasemntla,’ utsho uYehova,+
‘Ibe ziza kuza; ngasinye sazo siza kubeka itrone yaso
Ezigeyithini zaseYerusalem,+
Zihlasele zonke iindonga zayo, macala onke
Nazo zonke izixeko zakwaYuda.+
16 Ndiza kubagweba ngenxa yabo bonke ububi babo,
Kuba bandishiyile,+
Yaye baqhumisa imibingelelo kwabanye oothixo+
Ibe baqubuda kwizinto abazenze ngezandla zabo.’+
17 Wena ke ufanele ulungele umsebenzi,*
Yaye umele uphakame uze uthethe kubo yonke into endikuyalela yona.
Sukungcangcazela ngenxa yabo,+
Ukuze ndingakoyikisi phambi kwabo.