Yeremiya
14 Nali ilizwi likaYehova elafika kuYeremiya lithetha ngembalela:+
2 UYuda uzilile,+ neegeyithi zakhe zinyamalele.
Zitshona emhlabeni zidangele,
Nesikhalo siyenyuka siye eYerusalem.
3 Neenkosi zabo zithuma izicaka zazo amanzi.
Ziya emithonjeni zize zingawafumani.
Zibuya neengqayi zingenanto.
Zihlazekile yaye zidanile.
Futhi zogqume iintloko zazo.
4 Kuba umhlaba uqhekeka
Ngenxa yokungabikho kwemvula elizweni,+
Abalimi bathe xhungu ibe bogqume neentloko zabo.
5 Kwanexhamakazi endle lilizala lize lilishiye itakane lalo,
Kuba kungekho ngca.
6 Amaqwarhashe ema ezindulini ezomileyo.
Akhefuzela oku koodyakalashe;
Amehlo awo ayaphelelwa ngenxa yokukhangela izityalo ezingekhoyo.+
Kuba siye asathembeka kaninzi,+
Ibe nguwe esimonileyo.
8 Owu themba likaSirayeli, Msindisi wakhe+ ngexesha lentlungu,
Kutheni ufana nomntu ongaziwayo elizweni,
Njengomhambi ochitha nje ubusuku obunye?
9 Kutheni unjengomntu owothukileyo,
Njengendoda enamandla engakwazi kusindisa?
Sukusilahla.
10 Uthi uYehova ngesi sizwana: “Sithanda ukubhadula;+ asizibambanga iinyawo zaso.+ Ngoko uYehova akasithandi.+ Ngoku uza kukhumbula isono saso, asiphendulise ngezono zaso.”+
11 Wathi uYehova kum: “Sukuthandazela ukuba silungelwe esi sizwana.+ 12 Xa sizila ukutya, andikumameli ukundicenga kwaso,+ naxa sinikela umnikelo otshiswa ngokupheleleyo nomnikelo wokutya, andisithandi,+ kuba ndiza kusitshayela ngekrele, ngendlala nangesifo esingubhubhani.”+
13 Ndathi ke mna: “Owu, Nkosi enguMongami Yehova! Abaprofeti bathi kubo, ‘Anizukulibona ikrele, ibe anizukufunyanwa yindlala, kodwa ndiza kuninika uxolo lokwenene kule ndawo.’”+
14 Wathi uYehova kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andikhange ndibathume, ndingakhange ndibayalele okanye ndithethe nabo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki, ukuvumisa okungento yanto nenkohliso yentliziyo yabo.+ 15 UYehova uthi ngaba baprofeti baprofeta egameni lam, ndingabathumanga, nabathi akukho krele okanye ndlala eza kubakho kweli lizwe: ‘Baza kutshabalala ngekrele nendlala abo baprofeti.+ 16 Nabantu ababaprofetelayo baza kuphoselwa phandle ezitratweni zaseYerusalem, ngenxa yendlala nekrele, kungekho mntu wokubangcwaba,+ bona, abafazi babo, oonyana babo neentombi zabo, kuba ndiza kubazisela intlekele ebafaneleyo.’+
17 “Umele uthethe eli lizwi kubo,
‘Amehlo am mawakhuphe iinyembezi imini nobusuku, mawangayeki,+
Kuba intombi yabantu bam engazange yalala nandoda ityunyuzwe yaza yaphulwa ngokupheleleyo,+
Inenxeba elikhulu.
Kwaye ukuba ndingena esixekweni,
Ndibona izifo ezibangelwa yindlala!+
Kuba umprofeti kunye nombingeleli bajikeleze ilizwe abangalaziyo.’”+
19 Umlahle ngokupheleleyo na uYuda, okanye uyayenyanya na iZiyon?+
Kutheni usibethe sada asabi nakuphiliswa?+
Besinethemba loxolo, kodwa akukho nto intle izileyo,
Besinethemba lokuba siza kuphiliswa, kodwa siyoyika!+
Sikhumbule, ungasophuli isivumelwano osenze nathi.+
22 Ngaba sikho kwezi zithixo zingancedi nganto esinganisela iintlanga imvula,
Okanye amazulu angazinisela ngokwawo izantyalantyala zemvula?
Ayinguwe wedwa na, owu Yehova Thixo wethu?+
Sithembele kuwe,
Kuba nguwe wedwa owenze ezi zinto.