Yeremiya
20 UPashure unyana kaImere, umbingeleli, owayeligosa eliyintloko endlini kaYehova, wayemamele xa uYeremiya wayeprofeta ezi zinto. 2 Emva koko uPashure wambetha uYeremiya umprofeti waza wamfaka ezitokisini+ ezazingakwiGeyithi Ephezulu YakwaBhenjamin, eyayisendlini kaYehova. 3 Kodwa xa uPashure wamkhuphayo uYeremiya ezitokisini ngemini elandelayo, uYeremiya wathi kuye:
“UYehova uthi igama lakho asingoPashure, kodwa unguLoyiko Macala Onke.+ 4 Kuba uthi uYehova, ‘Ndiza kukoyikisa, wena kunye nabahlobo bakho, yaye baza kuwa ngekrele leentshaba zabo ujongile,+ ibe ndiza kumnikela kukumkani waseBhabhiloni wonke uYuda, amse ekuthinjweni eBhabhiloni aze ambulale ngekrele.+ 5 Bonke ubutyebi besi sixeko, yonke imveliso yaso, zonke izinto zaso ezixabisekileyo, nabo bonke ubuncwane bookumkani bakwaYuda ndiza kubunikela kwiintshaba zabo.+ Baza kubuphanga, babuthimbe baze babuse eBhabhiloni.+ 6 Wena ke Pashure, nabo bonke abahlala kwakho, niza kuthinjwa. Uza kuya eBhabhiloni apho uza kufela khona nalapho uza kungcwatyelwa khona, wena nabo bonke abahlobo bakho, ngenxa yokuba ubaprofetele ubuxoki.’”+
7 Owu Yehova undiqhathile, ndaqhatheka.
Usebenzise amandla akho kum, wandoyisa.+
Kuhlekiswe ngam imini yonke;
Ndigezelwa ngumntu wonke.+
8 Kuba qho xa ndithetha, kufuneka ndikhwaze ndixelele abantu ndithi,
“Ubundlobongela nentshabalalo!”
Ilizwi likaYehova liye landenza ndathukwa ndaza ndagezelwa imini yonke.+
Kodwa entliziyweni yam laba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am.
Ndadinwa kukuligcina ngaphakathi.
Ndandingasakwazi ukulinyamezela.+
“Mtyholeni; masimtyholeni!”
Wonke umntu ondinqwenelela uxolo ugade ukuwa kwam:+
“Mhlawumbi uza kwenza impazamo yobudenge,
Sitsho simoyise size siziphindezele kuye.”
11 Kodwa uYehova wayenam njengegorha eloyikekayo.+
Yiloo nto abo banditshutshisayo beza kukhubeka baze bangaphumeleli.+
Baza kuhlaziswa ngokungathethekiyo, kuba abazukuphumelela.
Ukuhlaziswa kwabo ngonaphakade akuzukulityalwa.+
12 Kodwa wena Yehova wemikhosi, uyaligocagoca ilungisa;
13 Culelani uYehova! Dumisani uYehova!
Kuba umsindisile olihlwempu kubenzi-bubi.
14 Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo!
Mawungasikelelwa umhla awandizala ngawo umama!+
15 Mayiqalekiswe indoda eyeza neendaba ezimnandi kutata isithi:
“Uzalelwe unyana, inkwenkwana!”
Imvuyisa ngokungathethekiyo.
16 Loo ndoda mayibe njengezixeko uYehova awazibhukuqayo engazisoli.
Mayive isikhalo kusasa, nokuhlaba umkhosi emini emaqanda.