IZililo
5 Yhini Yehova, yikhumbule into esehleleyo.
Jonga uze ulibone ihlazo lethu.+
2 Ilifa lethu linikwe abasemzini, izindlu zethu kwabolunye uhlanga.+
3 Siye saba ziinkedama ezingenatata, oomama bethu banjengabahlolokazi.+
4 Kufuneka sibhatale ukuze sisele amanzi ethu,+ iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.
6 Solulela isandla sethu kwiYiputa+ neAsiriya,+ ukuze sifumane isonka esaneleyo sokutya.
7 Ookhokho bethu abonayo abasekho, kodwa kufuneka thina sithwale izono zabo.
8 Ngoku silawulwa zizicaka, akukho mntu usihluthayo esandleni sazo.
9 Isonka sethu sisizisa ngokubeka ubomi bethu* engozini,+ ngenxa yekrele lasentlango.
10 Ulusu lwethu luvutha oku kweziko, ngenxa yentlungu ebangelwa yindlala.+
11 Babahlazisile* abafazi eZiyon, iintombi kwizixeko zakwaYuda.+
12 Iinkosana zaxhonywa ngesandla sazo,+ namadoda amakhulu awazange ahlonitshwe.+
13 Abafana bathwala ilitye lokuguba, namakhwenkwe akhubeka phambi kweenkuni.
14 Amadoda amakhulu emkile egeyithini yesixeko,+ abafana abasawudlali umculo wabo.+
15 Iphelile imihlali kwintliziyo yethu, ukudanisa kwethu kujike kwaba kukuzila.+
16 Siwile isithsaba sentloko yethu. Thina siza kuthi shu, kuba sonile!
17 Ngenxa yale nto intliziyo yethu iyagula,+
Ngenxa yezi zinto amehlo ethu anorhatyazo,+
18 Ngenxa yokuba iNtaba YeZiyon ingenabantu,+ iimpungutye zizula-zula kuyo.
19 Owu Yehova, uya kuhlala etroneni yakho ngonaphakade.
Itrone yakho yeyezizukulwana ngezizukulwana.+
20 Kutheni usilibala ngonaphakade uze usilahle ixesha elide?+
21 Sibuyisele kuwe, yhini Yehova, yaye siza kukulungela ukubuyela kuwe.+
Sizisele imihla emitsha enjengeyakudala.+
22 Noko ke, usilahle ngokupheleleyo.
Unomsindo gqitha ngenxa yethu.+