96 Mculeleni ingoma entsha uYehova.+
Mculeleni uYehova, nonke nina basemhlabeni!+
2 Mculeleni uYehova; dumisani igama lakhe.
Vakalisani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe usuku nosuku.+
3 Thethani ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga,
Nangemisebenzi yakhe emangalisayo phakathi kwezizwana zonke.+
4 UYehova mkhulu yaye ngoyena ofanelwe kukudunyiswa.
Woyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.
5 Bonke oothixo bezizwana abanaxabiso,+
Kodwa yena uYehova wenze amazulu.+
6 Apho akhoyo kukho ubukhulu nozuko;+
Kukho amandla nobuhle kwindawo yakhe engcwele.+
7 Mzukiseni uYehova, nina zintsapho zezizwana,
Mzukiseni uYehova ngenxa yozuko namandla akhe.+
8 Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe;+
Zisani isipho nize ningene kwiiyadi zakhe.
9 Qubudani kuYehova ninxibe iimpahla zenu ezingcwele;
Umhlaba wonke mawungcangcazele phambi kwakhe!
10 Chazelani iintlanga nithi: “UYehova nguKumkani!+
Umhlaba uzinzisiwe, awunakugungqiswa.
Uza kuzigweba ngobulungisa izizwana.”+
11 Mawavuye amazulu, mawuvuye nomhlaba;
Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo;+
12 Mawavuye amadlelo nazo zonke izinto ezikuwo.+
Kwangaxeshanye mayikhwaze ivuya yonke imithi yehlathi+
13 Phambi koYehova, kuba uyeza,
Ukuze agwebe umhlaba.
Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+
Nezizwana ngokuthembeka kwakhe.+