Ezra
10 Ngoxa uEzra wayethandaza+ evuma izono, elila yaye equbude phambi kwendlu kaThixo wokwenene, kweza abantu abaninzi, amadoda, abafazi nabantwana bakwaSirayeli, belila kakhulu. 2 Emva koko uShekaniya unyana kaYehiyele+ woonyana bakaElam+ wathi kuEzra: “Siye asathembeka kuThixo wethu, satshata* abafazi bamazwe akufutshane nathi.+ Kodwa ke, lisekhona ithemba ngoSirayeli. 3 Ngoku masenze isivumelwano noThixo wethu+ sokugxotha bonke aba bafazi nabantwana abazelwe ngabo, njengokuba esitsho uYehova nabo bawuhloniphayo* umthetho kaThixo wethu.+ Masithobele uMthetho. 4 Phakama, kuba ngumsebenzi wakho lo, ibe nathi siza kukuxhasa. Yiba nesibindi ulungise izinto.”
5 Akutsho, uEzra waphakama waza wafungisa iintloko zababingeleli, abaLevi nawo onke amaSirayeli ukuba baza kwenza njalo.+ Bafunga ke. 6 UEzra waphakama phambi kwendlu kaThixo wokwenene waya kwigumbi* likaYehohanan unyana kaEliyashibhi. Nangona wayelapho, akazange atye, engazange asele manzi, kuba wayezilile ngenxa yokungathembeki kwabantu ababuye ekuthinjweni.+
7 Emva koko kwenziwa isaziso kuYuda wonke naseYerusalem sokuba bonke ababebuye ekuthinjweni beze eYerusalem; 8 ibe iinkosana nabadala babenze isigqibo sokuba, nabani na ongezanga de kuphele iintsuku ezintathu, uza kuthinjelwa yonke into yakhe, aze agxothwe kwibandla labantu ababuye ekuthinjweni.+ 9 Ngoko onke amadoda akwaYuda nakwaBhenjamin eza eYerusalem ngenyanga yesithoba, ngomhla we-20 kuloo nyanga, zingekapheli iintsuku ezintathu. Bonke abantu babehleli eyadini yoThixo wokwenene, bengcangcazela ngenxa yale ngxaki nangenxa yemvula eyayinetha ngamandla.
10 Emva koko uEzra umbingeleli waphakama waza wathi kubo: “Niye anathembeka, natshata abafazi basemzini,+ nisongeza kwityala likaSirayeli. 11 Ngoku vumani izono zenu kuYehova uThixo wookhokho benu nize nenze ukuthanda kwakhe. Zahluleni kubantu beentlanga nakwaba bafazi basemzini.”+ 12 Lonke ibandla laphendula likhwaza lisithi: “Simele siyenze yonke le nto uyithethayo. 13 Kodwa ke abantu baninzi, ibe ngoku lixesha lemvula. Asinakukwazi ukuma phandle, ibe le nto ayizukulungiswa ngosuku nje olunye okanye ngeentsuku ezimbini, kuba sone kakhulu. 14 Ngoko sicela lonke ibandla limelwe ziinkosana zethu.+ Abo batshate abafazi basemzini ezixekweni zethu mabeze ngexesha elibekiweyo. Isixeko ngasinye masize nabadala nabagwebi baso, de uThixo wethu ayeke ukuba nomsindo ngenxa yale nto.”
15 Noko ke, uYonatan unyana ka-Asaheli noYazeya unyana kaTikiva abazange bayivume le nto, bexhaswa nguMeshulam noShabhetayi+ abangabaLevi. 16 Kodwa abo babethinjiwe benza yonke into ekwakuvunyelwene ngayo, ibe uEzra umbingeleli neentloko zezindlu ngokwamagama azo, badibana bodwa ngosuku lokuqala lwenyanga yeshumi ukuze bajongane nale ngxaki. 17 Kwathi kusiba ngumhla wokuqala wenyanga yokuqala, babe sele begqibile ukulungisa le ngxaki yamadoda atshate abafazi basemzini. 18 Kwafunyaniswa nokuba abanye oonyana bababingeleli babetshate abafazi basemzini:+ yayinguMahaseya, uEliyezere, uYaribhi noGedaliya abangaboonyana bakaYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki nabantakwabo. 19 Kodwa bathembisa ukuba baza kubagxotha abafazi babo, aze ngamnye anikele ngenkunzi yegusha ukuze ahlawulele ityala lakhe.+
20 Koonyana bakaImere+ yayinguHanani noZebhadiya; 21 koonyana bakaHarim,+ inguMahaseya, uEliya, uShemaya, uYehiyele noUziya; 22 koonyana bakaPashure,+ inguEliyohenayi, uMahaseya, uIshmayeli, uNetaneli, uYozabhadi noEleyasa. 23 KubaLevi yayinguYozabhadi, uShimeyi, uKelaya (oko kukuthi, uKelita), uPetahiya, uYuda noEliyezere; 24 kwiimvumi, inguEliyashibhi; koonogada basegeyithini, inguShalum, uTelem noUri.
25 KwaSirayeli, koonyana bakaParoshe+ yayinguRamiya, uIziya, uMalekiya, uMiyamin, uEleyazare, uMalekiya noBhenaya; 26 koonyana bakaElam,+ inguMataniya, uZekariya, uYehiyele,+ uAbhedi, uYeremoti noEliya; 27 koonyana bakaZatu,+ inguEliyohenayi, uEliyashibhi, uMataniya, uYeremoti, uZabhadi noAziza; 28 koonyana bakaBhebhayi,+ inguYehohanan, uHananiya, uZabhayi noAtelayi; 29 koonyana bakaBhani, inguMeshulam, uMaluke, uAdaya, uYashubhi, uShehali noYeremoti; 30 koonyana bakaPahati-mowabhi,+ inguAdena, uKelali, uBhenaya, uMahaseya, uMataniya, uBhetsaleli, uBhinuwi noManase; 31 koonyana bakaHarim,+ inguEliyezere, uYishiya, uMalekiya,+ uShemaya, uShimeyon, 32 uBhenjamin, uMaluke noShemariya; 33 koonyana bakaHashum,+ inguMatenayi, uMatata, uZabhadi, uElifelete, uYeremayi, uManase noShimeyi; 34 koonyana bakaBhani, inguMahadayi, uAmram, u-Uweli, 35 uBhenaya, uBhedeya, uKeluhi, 36 uVaniya, uMeremoti, uEliyashibhi, 37 uMataniya, uMatenayi noYahasu; 38 koonyana bakaBhinuwi, inguShimeyi, 39 uShelemiya, uNatan, uAdaya, 40 uMakenadebhayi, uShashayi, uSharayi, 41 uAzareli, uShelemiya, uShemariya, 42 uShalum, uAmariya noYosefu; 43 koonyana bakaNebho, inguYeyeli, uMatitiya, uZabhadi, uZebhina, uYadayi, uYoweli noBhenaya. 44 Bonke aba babenabafazi basemzini,+ ibe babagxotha kunye noonyana babo.+