Hezekile
35 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kummandla weentaba wakwaSehire,+ uprofete ngawo.+ 3 Yithi kuwo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilwa nawe, mmandla weentaba wakwaSehire, yaye ndiza kusolulela kuwe isandla sam ndize ndikwenze indawo engahlali mntu nengahoywanga.+ 4 Izixeko zakho ndiza kuzenza amabhodlo, ibe uza kuba yindawo engahlali mntu nengahoywanga,+ utsho wazi ukuba ndinguYehova, 5 kuba uye wakhohlakala kakhulu,+ wanikela amaSirayeli ekreleni ngexesha lentlekele yawo, ngexesha lesohlwayo sawo sokugqibela.”’+
6 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ngoko ke ndiphila nje, ndiza kulungiselela ukuba kuchithwe igazi lakho, soze kuphele ukuchitheka kwegazi kuwe.+ Ekubeni wawulicaphukela igazi, kuza kuhlala kuchitheka igazi kuwe.+ 7 Ndiza kuwenza ube yindawo engahlali mntu nengahoywanga ummandla weentaba wakwaSehire,+ ndinqumle nabani na odlulayo nobuyelayo kuwo. 8 Ndiza kugcwalisa iintaba zawo ngabo babuleweyo; yaye abo babulewe ngekrele baza kuwela ezindulini, ezintlanjeni nakwimisinga yakho yonke. 9 Ndiza kukwenza utshabalale ngonaphakade, izixeko zakho zingahlali mntu,+ utsho wazi ukuba ndinguYehova.’
10 “Ekubeni wena wathi, ‘Ezi ntlanga zimbini nala mazwe mabini aza kuba ngawam, ibe siza kuwathatha omabini,’+ nangona uYehova wayelapho, 11 ‘ngoko ke, ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘kanye njengokuba waba nomsindo, wanekhwele waza wawacaphukela, nam ndiza kukuphatha ngolo hlobo;+ yaye ndiza kuzazisa kuwo xa ndikugweba. 12 Uza kutsho wazi ukuba mna Yehova, ndizivile zonke izinto ozithethileyo udelela iintaba zakwaSirayeli, usithi, “Ziphanzile, ibe zinikelwe kuthi ukuba siziqwenge.”* 13 Wathetha nam ngokusa, wathetha izinto ezininzi ngam.+ Ndaziva zonke.’
14 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Umhlaba wonke uza konwaba xa ndikwenza ube yindawo engahlali mntu nengahoywanga. 15 Kanye njengokuba wavuyayo xa kwapheliswa ilifa lendlu kaSirayeli, ndiza kwenza okufanayo nakuwe.+ Uza kuba yindawo engahlali mntu nengahoywanga, mmandla weentaba wakwaSehire, nditsho yonke iEdom,+ batsho bazi ukuba ndinguYehova.’”