Zekariya
13 “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseYerusalem baza kumbelwa iqula ukuze kucocwe isono nokungcola kwabo.+
2 “Ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiza kuwacima amagama ezithixo elizweni,+ zingabi sakhunjulwa; ibe ndiza kubakhupha abaprofeti+ nomoya wokungcola elizweni. 3 Ukuba kukhe kwaphinda kwakho umntu oprofetayo, abazali bakhe baza kuthi kuye, ‘Awuzukuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova.’ Kwaye abazali bakhe baza kumhlaba ngenxa yokuprofeta kwakhe.+
4 “Ngaloo mini, mprofeti ngamnye uza kuba neentloni ngombono wakhe xa eprofeta; yaye abazukunxiba zambatho zaboya+ ngenjongo yokuqhatha. 5 Uza kuthi, ‘Andingomprofeti. Ndingumntu olima umhlaba, ngenxa yokuba ndathengwa yindoda ethile xa ndandisemncinci.’ 6 Xa kukho umntu othi kuye, ‘Ngamanxeba antoni la aphakathi kwamagxa akho?’* Uza kuphendula athi, ‘Ndawafumana endlini yabahlobo bam.’”*
“Hlasela umalusi,+ uze uthi saa umhlambi weegusha;+
Yaye isandla sam ndiza kusiphakamisela kwabo bangabalulekanga.”
8 “Kulo lonke ilizwe,” utsho uYehova,
“Iinxalenye ezimbini kulo ziza kunqunyulwa zize zithi shwaka;*
Ize inxalenye yesithathu ishiyeke.
9 Ndiza kuyidlulisa emlilweni inxalenye yesithathu;
Ndiza kuyisulungekisa njengokusulungekiswa kwesilivere,
Ndiyicikide njengokucikidwa kwegolide.+
Iza kubiza egameni lam,
Ndize nam ndiyiphendule.
Ndiza kuthi, ‘Ingabantu bam,’+
Nayo ke iza kuthi, ‘UYehova nguThixo wethu.’”