Kubalisa UMateyu
4 Emva koko uYesu waqhutyelwa entlango ngumoya kaThixo, waza wahendwa+ nguMtyholi,+ 2 emva kokuba ezile ukutya iintsuku eziyi-40, imini nobusuku, walamba. 3 UMtyholi+ weza kuye wathi: “Ukuba ungunyana kaThixo, yithi kula matye mawabe zizonka.” 4 Kodwa uYesu wathi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.’”*+
5 Emva koko uMtyholi wamthatha wamsa esixekweni esingcwele,+ wammisa kweyona ndawo iphakamileyo etempileni,+ 6 wathi kuye: “Ukuba ungunyana kaThixo, ziphose ezantsi, kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Uza kuyalela iingelosi zakhe ukuba zikuthwale ngezandla, ukuze unyawo lwakho lungabetheki elityeni.’”+ 7 UYesu wathi kuye: “Kwakhona, kubhaliwe kwathiwa: ‘Uze ungamlingi uYehova* uThixo wakho.’”+
8 Waphinda uMtyholi wamsa kwintaba ephakame ngokungaqhelekanga, wambonisa onke amazwe ehlabathi nobutyebi bawo.+ 9 Wathi kuye: “Ndingakunika zonke ezi zinto ukuba ungaqubuda kum undikhonze nje kube kanye.” 10 UYesu wathi kuye: “Hamb’ apha Sathana! Kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘Umele ukhonze uYehova* uThixo wakho kuphela,+ ukhonze yena yedwa.’”+ 11 Wemka ke uMtyholi,+ zaza iingelosi zeza zamnceda.+
12 Uthe uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe,+ wahamba waya kummandla waseGalili.+ 13 Emva kwexesha, wemka eNazarete wayokuhlala eKapernahum+ kufutshane naselwandle, kwingingqi yakwaZebhulon nakwaNafetali, 14 ukuze kwenzeke into eyathethwa ngumprofeti uIsaya, esithi: 15 “Owu lizwe lakwaZebhulon nawe lizwe lakwaNafetali, nina eningakwindlela eya elwandle, ngaphesheya kweYordan, kwiGalili yeentlanga! 16 Abantu abahleli ebumnyameni, babone ukukhanya okuqaqambe kakhulu,+ nabo bahleli kwingingqi yethunzi lokufa, bakhanyiselwe.”+ 17 Ukususela ngelo xesha ukuya phambili uYesu wayeshumayela esithi: “Guqukani, kuba sele buza kufika uBukumkani bamazulu.”+
18 Wathi uYesu ehamba ngakuLwandle LwaseGalili, wabona uSimon obizwa ngokuba nguPetros+ nomntakwabo uAndreya, bephosa umnatha wokuloba elwandle, kuba babengabalobi.+ 19 Wathi kubo: “Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.”+ 20 Bayishiya ngoko nangoko iminatha yabo, bamlandela.+ 21 Xa esuka apho, wabona uYakobi unyana kaZebhedi nomntakwabo uYohane+ besesikhepheni notata wabo uZebhedi, belungisa iminatha yabo, waza wababiza.+ 22 Basishiya ngoko nangoko isikhephe sabo, beshiya notata wabo, bamlandela.
23 Emva koko wayihamba yonke iGalili,+ efundisa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda,*+ eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, ephilisa zonke iintlobo zezifo nezigulo abantu ababenazo.+ 24 Abantu babethetha ngaye kuwo wonke ummandla waseSiriya, bazisa kuye bonke abantu abanezifo neentlungu,+ abaneedemon,+ abaxhuzulayo+ nabafe imizimba, waza wabaphilisa. 25 Ngenxa yaloo nto, walandelwa ngabantu abaninzi bevela eGalili, eDekapoli,* eYerusalem, kwaYuda nakwiindawo eziphesheya kweYordan.