17 Kubhetele ukutya isonka esomileyo kwindawo enoxolo+
Kunokuba sendlini enokutya okuninzi kunye nengxabano.+
2 Isicaka esinengqondo siza kumlawula unyana owenza okuziintloni;
Siza kufumana ilifa njengabanye oonyana.
3 Imbiza inyibilikisa isilivere, iziko lomlilo linyibilikise igolide,+
Kodwa yena uYehova uhlola iintliziyo.+
4 Umenzi-bubi umamela intetho eyenzakalisayo,
Nomntu oqhathayo umamela ulwimi olunyelisayo.+
5 Ohlekisa ngehlwempu uthuka uMenzi walo,+
Noyivuyelayo intlekele eyehlela omnye umntu soze asinde ekohlwayweni.+
6 Abazukulwana basisithsaba sootatomkhulu babo,
Bona ootata baluzuko loonyana babo.
7 Amazwi obulumko awasifanelanga isidenge.+
Aya kubeka phi ke ukungamfaneli umlawuli amazwi obuxoki!+
8 Isipho sinjengelitye elixabisekileyo kumniniso;+
Naphi na apho aya khona, simenza aphumelele.+
9 Oxolelayo xa oniwe ufuna uthando,+
Kodwa osoloko ekhalaza wahlukanisa abahlobo abasenyongweni.+
10 Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo+
Kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisidenge.+
11 Umenzi-bubi ufuna ububi kuphela,
Kodwa kuza kuthunyelwa umntu okhohlakeleyo ukuba amohlwaye.+
12 Kubhetele ukudibana nebhere eloxuthelwe amathole
Kunokudibana nesidenge sisenza ubudenge.+
13 Ukuba umntu uphindezela okuhle ngokubi,
Soze yahlukane nelishwa indlu yakhe.+
14 Ukuqala umlo kufana nokuvula umnyango wezikhukula;
Ngoko hamba ingekaqali ingxabano.+
15 Nabani na okhulula umenzi-bubi etyaleni, nogweba ilungisa,+
Bobabini bayenyanyeka kuYehova.
16 Kunceda ntoni ukuba isidenge sikwazi ukufumana ubulumko
Sibe singenangqondo?+
17 Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke,+
Ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.+
18 Umntu ongayisebenzisiyo ingqondo uxhawula ngesandla,
Aze avume ukukhupha isibambiso ukuze amele ityala lommelwane wakhe.+
19 Othanda ingxabano uthanda isono.+
Nabani na oziphakamisayo uzibizela ukuwa.+
20 Onentliziyo egqwethekileyo akazukuphumelela,+
Nothetha inkohliso uza kungena enkathazweni.
21 Ozala umntwana osisidenge uza kuba sentlungwini;
Notata womntwana ongenangqondo soze onwabe.+
22 Intliziyo evuyayo iliyeza,+
Kodwa umoya ophantsi utheza amandla.+
23 Umenzi-bubi uthatha isinyobo engabonwa
Aze agqwethe ubulungisa.+
24 Umntu oqondayo uzikhathaza ngokufuna ubulumko,
Kodwa amehlo esidenge alaqaza kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
25 Unyana osisidenge umenza buhlungu utata wakhe,
Amenzele intliziyo ebuhlungu lowo wamzalayo.+
26 Akulunganga ukohlwaya ilungisa,
Kungalunganga nokubetha abantu abahloniphekileyo.
27 Umntu onolwazi uyawabamba amazwi akhe,+
Nomntu oqondayo uhlala ezolile.+
28 Kwanesidenge xa sithe cwaka, kuza kuthiwa sisilumko,
Novala imilebe yakhe, kuza kuthiwa uyaqonda.