Isaya
54 “Khwaza uvuya wena mfazindini ungafumani bantwana nongazange wazala!+
2 “Yenze ibe banzi ngakumbi indawo yentente yakho.+
Yolula amalaphu entente engcwele yakho ezukileyo.
Qhuba nje wena, yandisa iintambo zentente yakho,
Uze uzibethelele ziqine izikhonkwane zentente yakho.+
3 Kuba uza kunwenwela ngasekunene nangasekhohlo.
Inzala yakho iza kuzithathela kuyo iintlanga,
Ize ihlale kwizixeko ebezikade zitshabalele.+
Kuba uza kulilibala ihlazo lobutsha bakho,
Uza kulilibala nehlazo lokuba ngumhlolokazi kwakho.”
5 “Kuba uMenzi wakho Ozukileyo+ ufana nomyeni wakho,*+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi,
Ibe Lowo Ungcwele kaSirayeli nguMhlawuleli wakho.+
Uza kubizwa ngokuba nguThixo womhlaba wonke.+
6 Kuba uYehova wakubiza ngokungathi ubungumfazi oshiyiweyo nosentlungwini,+
Njengomfazi owatshatwa esemtsha waza walahlwa,” utsho uThixo wakho.
8 Ngomkhukula wokucaphuka ndabufihla ubuso bam kuwe okomzuzwana,+
Kodwa, ukuhlala kwam ndikuthanda ngokungagungqiyo kundenza ndibe nenceba kuwe ngonaphakade,”+ utsho uMhlawuleli wakho,+ uYehova.
9 “Le nto ifana nemihla kaNowa kum.+
Kanye njengokuba ndaye ndafunga ukuba amanzi kaNowa awazukuphinda ogqume umhlaba,+
Ndiyafunga ukuba soze ndiphinde ndicaphuke okanye ndikukhalimele.+
10 Kuba iintaba zingasuswa
Neenduli zingashukunyiswa,
Kodwa soze ndiyeke ukunithanda ngokungagungqiyo,+
Singasoze sigungqiswe nesivumelwano sam soxolo,”+ utsho uYehova, Lowo ukwenzela inceba.+
11 “Yhini mfazi osentlungwini,+ wena uphoswa ngapha nangapha sisivuthuvuthu, mfazi ongathuthuzelwanga,+
Amatye akho ndiwabeka ngodaka oluqinileyo
Nesiseko sakho ngamatye eesafire.+
12 Kwaye iinqaba zakho ndiza kuzenza ngamatye eerubhi,
Iigeyithi zakho ndizenze ngamatye abengezelayo,*
Nemida yakho yonke ndiyenze ngamatye axabisekileyo.
14 Uza kumiselwa ngokuqinileyo ngobulungisa.+
Ingcinezelo iza kubekelwa kude lee kunawe,+
Akukho nto iza kukoyikisa, awuzukuba nasizathu sakunkwantya,
Kuba akukho nto yoyikekayo iza kuza kuwe.+
15 Ukuba nabani na angakuhlasela,
Akazukuba eyalelwe ndim.
Nabani na okuhlaselayo uza koyiswa.”+
16 “Jonga! Ndim, ndim kanye odale umkhandi olichule,
Mkhandi lowo uvuthela amalahle omlilo,
Aze enze isixhobo sokulwa.
Ndim, ndim kanye nodale indoda eyonakalisayo netshabalalisayo.+
17 Ngoko ke, akukho nasinye isixhobo esenzelwe ukulwa nawe esiza kuphumelela,+
Nabani na okutyholayo uza kumenza acace ukuba uyaxoka.
Eli lilifa labakhonzi bakaYehova,
Nobulungisa babufumana kum,” utsho uYehova.+