Yeremiya
6 Ngenani ekhusini, nina bonyana bakaBhenjamin, nisuke phakathi kweYerusalem.
Kuba kusondela intlekele evela ngasemntla, intshabalalo enkulu.+
2 Intombi yaseZiyon ifana nenzwakazi ezithandayo.+
3 Beza kuyo abelusi nemihlambi yabo.
4 “Xhobelani* ukulwa imfazwe nayo!
Vukani, masinyuke emini emaqanda!”
“Sisengxakini, kuba imini iya ngasekupheleni,
Kuba amathunzi okuhlwa ayanaba!”
6 Kuba uthi uYehova wemikhosi:
“Gawulani imithi nize nakhe amathambeka okuhlasela iYerusalem.+
Isisixeko esimele siphenduliswe.
Kukho ingcinezelo kuphela phakathi kwayo.+
7 Njengokuba amanzi abandayo efumaneka emthonjeni,
Nobubi bufumaneka kwesi sixeko.
Kuvakala ubundlobongela nentshabalalo kuso;+
Isifo nesibetho ziphambi kwam qho.
8 Lumka, Yerusalem, okanye ndiza kukunikela umva ndikwenyanye;+
Ndiza kwenza kungabikho bantu bahlala kuwe.”+
9 Uthi uYehova wemikhosi:
“Baza kuqokelela bonke abashiyekileyo kwaSirayeli kanye njengeediliya zokugqibela zomthi weediliya.
Phinda udlulise isandla sakho njengalowo uvuna iidiliya kwimithi yeediliya.”
10 “Ndiza kuthetha ndilumkise bani?
Ngubani oza kumamela?
Jonga! Iindlebe zabo zivaliwe,* kangangokuba abakwazi kumamelisisa.+
Jonga! Ilizwi likaYehova liye laba yinto abayidelelayo;+
Alibavuyisi.
“Wugalele phezu komntwana osesitratweni+
Naphezu kweqela labafana abahleli kunye;
Kuba ndiza kusolulela kubemi belizwe isandla sam,” utsho uYehova.
13 “Kuba ukususela koyena mncinci ukuya koyena mkhulu, ngamnye uzenzela inzuzo ngamaqhinga;+
Ukususela kumprofeti ukuya kumbingeleli, ngamnye wenza ngobumenemene.+
14 Kwaye bazama ukuphilisa amanxeba abantu* bam ngokungakhathali,* besithi,
‘Kukho uxolo! Kukho uxolo!’
Kube kungekho xolo.+
15 Ngaba baneentloni ngenxa yezinto ezenyanyekayo abazenzileyo?
Abanazintloni tu!
Abakwazi nokuliva ihlazo!+
Ngoko ke baza kuwa nabawayo.
Xa ndibohlwaya, baza kukhubeka,” utsho uYehova.
16 Uthi uYehova:
“Yimani ngxi apho kudibana khona iindlela, nize nibone.
Buzisani ngeendlela zakudala,
Buzani apho ikhoyo indlela elungileyo, nize nihambe kuyo,+
Nizifumanele ukuphumla.”
Kodwa bathi: “Asizukuhamba kuyo.”+
Kodwa bona bathi: “Asizukumamela.”+
18 “Ngoko ke yivani, nina zintlanga!
Nize nazi, nina bandla,
Ukuba kuza kwenzeka ntoni kubo.
19 Mamela, mhlaba!
Ndisizisela intlekele esi sizwana,+
Isiqhamo samaqhinga aso,
Kuba asiwamamelanga amazwi am
Saza sawunikela umva umthetho* wam.”
20 “Ndiyikhathalele ngantoni na into yokuba nisizisa intlaka yokuqhumisa yaseShebha
Neengcongolo ezinevumba elimnandi ezivela kwilizwe elikude?
Iminikelo yenu etshiswa ngokupheleleyo ayamkelekanga,
Nemibingelelo yenu andiyithandi.”+
21 Ngoko ke uthi uYehova:
“Ndisibekela isikhubekiso esi sizwana,
Yaye siza kukhubeka kuso,
Ootata kunye noonyana,
Ummelwane nomhlobo wakhe,
Ibe bonke baza kutshabalala.”+
22 Uthi uYehova:
“Jonga! Kuza kuphuma isizwana kwilizwe lasemntla,
Ibe kuza kuvuswa uhlanga olukhulu luvela kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
23 Luza kuthatha isaphetha nentshuntshe.
Lukhohlakele, yaye aluzukuba nalusizi.
Ilizwi lalo liza kugquma njengolwandle,
Kwaye lukhwela amahashe.+
Luza kuma ngathi lusedabini njengendoda elwa imfazwe nawe, ntombi yaseZiyon.”
24 Sivile ukuba kuthiwani ngalo.
Zila ngokungathi uzilela unyana okukuphela kwakhe, ukhale isijwili.+
Kuba siza kufikelwa ngumtshabalalisi ngequbuliso.+
27 “Ndikwenze* umvavanyi wesinyithi phakathi kwabantu bam,
Lowo ukhangela ngokucokisekileyo;
Umele uyiphawule kwaye uyihlolisise indlela yabo.
Banjengekopolo nentsimbi.
Bonke banamaqhinga.
29 Izinto zokukhwezela zitshile.
Emlilweni wazo kuphuma ilothe.