146 Dumisani uYa!+
Mandimdumise ngentliziyo yam yonke uYehova.+
2 Ndiza kumdumisa ubomi bam bonke uYehova.
Ndisaphila nje, ndiza kumdumisa ngengoma uThixo wam.
3 Sanukuthembela kwiinkosana,
Nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa.+
4 Uyaphuma umoya wakhe, aze abuyele emhlabeni;+
Ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.+
5 Wonwabile lowo uncedwa nguThixo kaYakobi,+
Othembela ngoYehova uThixo wakhe,+
6 UMenzi wezulu nomhlaba,
Ulwandle, nazo zonke izinto ezikuzo,+
Lowo uhlala ethembekile,+
7 Lowo uthethelela abo baqhathwayo,
Lowo upha abalambileyo isonka.+
UYehova ukhulula amabanjwa.+
8 UYehova uvula amehlo eemfama;+
UYehova uphakamisa abaqubudileyo;+
UYehova uthanda amalungisa.
9 UYehova ukhusela abasemzini;
Wondla umntwana ongenatata nomhlolokazi,+
Kodwa uyawaphelisa amacebo abenzi-bubi.+
10 UYehova uza kuba nguKumkani ngonaphakade,+
UThixo wakho Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.
Dumisani uYa!