Duteronomi
21 “Ukuba kufunyenwe umntu ofileyo ethafeni kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, kube kungaziwa ukuba ubulewe ngubani, 2 abadala nabagwebi benu+ bamele baphume baze babale umgama osuka kweso sidumbu ukuya kwizixeko ezikufutshane. 3 Emva koko abadala besona sixeko sikufutshane bamele bathathe ithole lenkomo elingazange lasetyenziswa, nelingazange lafakwa dyokhweni. 4 Bamele balise entlanjeni ehamba amanzi, ekungazange kwalinywa okanye kwatyalwa nto kuyo. Bamele balaphule intamo elo thole lenkomo apho entlanjeni.+
5 “Ababingeleli abangabaLevi bamele beze kuba uYehova uThixo wenu ukhethe bona ukuba bamsebenzele,+ basikelele egameni likaYehova.+ Mabachaze ukuba kumele kwenziwe ntoni ngamatyala obundlobongela.+ 6 Emva koko bonke abadala beso sixeko sikufutshane nesidumbu bamele bahlambe izandla zabo+ phezu kwelo thole lenkomo laphulwe intamo entlanjeni, 7 baze bathi, ‘Ayizozandla zethu ezichithe eli gazi, yaye khange sibone xa lichithwa. 8 Owu Yehova, uze ungababeki tyala ngale nto abantu bakho amaSirayeli,+ yaye mabangabi natyala lokuchitha igazi lomntu omsulwa.’+ Ngoko ke abazukuba netyala legazi. 9 Xa nisenza into elungileyo emehlweni kaYehova, niza kube niyalisusa kuni ityala lokuchitha igazi lomntu omsulwa.
10 “Ukuba nilwa imfazwe neentshaba zenu, aze uYehova uThixo wenu azoyise, nizithimbe,+ 11 aze omnye kuni abone kuzo intombi entle, ayithande, afune ukuyitshata, 12 angayisa endlini yakhe. Imele ichebe iinwele, ilungise iinzipho, 13 izikhulule iimpahla ethinjwe izinxibile ize ihlale endlini yakhe. Imele imlilele utata wayo nomama wayo inyanga yonke,+ emva koko angabelana nayo ngesondo. Uza kuba ngumyeni wayo, yona ibe ngumfazi wakhe. 14 Kodwa ukuba akasayithandi umele ayiyeke ihambe iye+ kuloo ndawo ikhetha ukuya kuyo. Umele angayithengisi okanye ayiphathe kakubi, ekubeni eyinyanzele ukuba imtshate.
15 “Ukuba indoda itshate abafazi ababini, omnye imthanda ngaphezu komnye, babe bobabini beyizalele oonyana, unyana olizibulo ingowalo ungathandwayo,+ 16 xa loo ndoda isahlulela oonyana bayo ilifa layo, ayivumelekanga ukuba imenze izibulo unyana womfazi emthandayo endaweni yonyana olizibulo womfazi engamthandiyo. 17 Ifanele iqonde ukuba izibulo ngunyana womfazi engamthandiyo, ngoko imele imahlulele kwizinto zayo ngokuphindwe kabini, kuba usisiqalo samandla ayo okuzala. Ilungelo lobuzibulo lelakhe.+
18 “Ukuba indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa nongabathobeliyo abazali bakhe,+ ibe baye bazama ukumlungisa kodwa akafuni ukubamamela,+ 19 abazali bakhe bamele bamthathe, bamse kubadala egeyithini yesixeko sakowabo, 20 baze bathi kwabo badala, ‘Unyana wethu lo unenkani, uyinjubaqa yaye akasithobeli. Utya kakhulu+ futhi ulinxila.’+ 21 Emva koko onke amadoda esixeko sakowabo amele ambethe ngamatye ade afe. Nimele nibususe ububi phakathi kwenu, emva koko onke amaSirayeli aza kuyiva loo nto aze oyike.+
22 “Ukuba umntu wenza isono esibangela ukuba agwetyelwe ukufa aze abulawe,+ axhonywe esibondeni,+ 23 isidumbu sakhe asimele sihlale sijinga esibondeni ubusuku bonke.+ Endaweni yoko, nimele niqiniseke ukuba niyasingcwaba kwangaloo mini, kuba umntu oxhonywe esibondeni uqalekisiwe nguThixo+ yaye nimele ningalingcolisi ilizwe uYehova uThixo wenu aninike ukuba nihlale kulo.+